Izithakazelo zakwa Kati | Kati Clan Names

Ama KATI ALANDWA KULENDLU KA PHELA ; UPHELA UZELE UBHUKUBHUKU WAZALA UNDLELA ; USABELO WAZALA UMFAKA; UMFAKA WAZALA UNDLEBE ; UNDLEBE WAZALA UCANDANDLOVU ; UCANDANDLOVU WAZALA Oonyana ABATHATU

UNYANA WOKUQALA KANCANDANDLOVU NGU KATI; UNYANA WESIBINI KACANDANDLOVU NGU TIBA; UNYANA WESITHATHU KACANDANDLOVU NGU IBENGU MAGEBHULE.

XA SILANDELA INDLU KA KATI ; UKATI UZELE UMAVANGWE ; UMAVANGWE UZELE U GULANI ; U GULANI UZELE U KOMITYI ; UKOMITYI UZELE U QOTSHILE
ISIZWE SABA BANTU KUTHIWA NGAMA KATI

XA BEBONGWA BATHIWA

KATI
NTAMONDE
BIZWAYO
JULEKA
HULENI
NOMATHEBE
THULELO
MFUTYANA
NDLELA KA NDLABANE
MSUTHU ONEMIKHALA