By Mpumelelo T.A. Makuliwe Aba bantu bangamaVundla bakhona nakubeSuthu kuthiwa ngooMofokeng. Imbali yomnombo nomlibo wabaFokeng ekuthiwa amaVundla aphuma kuwo uhamba uthi: Aba bantu baphuma kubaTaung bazalwa ngumzukulwana kaMotebele esingalazanga igama lakhe. Le ndlu ivele ngolu hlobo: uMorolong wazala uNoto waza uNoto wazala uMorara; uMorara kwindlu yakhe yokuqala wazala uMabi, waza kwindlu yesibini wazala uMasilo I. […]