Iziduko Zoo Tshatshu Clan Names & Surname History

Iziduko zoo Tshatshu:
Tubhane, Mawuse, Qhumpase, Maphasa, Gungubele, uTshatshol’ ithafa, uvela bambhentsele azisam mbhentsel’ kuba zoyik’ abelungu, uYem-Yem, uNgqolomsila, uSophitsho, uDlomo, Nkom’ezi bomvu.

IMBALI: AmaTshatshu lisebe lendlu yasebukhosini yesizwe sabaThembu.

Kuthiwa eligama lamaTshatshu lisuka kumfo okwakuthiwa nguTshatsh’olithafa xa abongwayo.

Lowo ngumfo owayefunga angajiki xa ejongene neentshaba edabini. Igama lakhe lakowabo lalinguMvangxeni,

engunyana kaXhoba kaTukwa kaMawuse kaDlomo kaNxeko kaMguti kaNtande kaToyi kaCeduma kaDunakazi kaBhomoyi kaThembu.

Le ndlu aphuma kuyo uTshatshu yindlu yokunene kuDlomo. U-Dlomo ke wayeyiKumkani yabaThembu. KuNdlunkulu wakhe wazala u-Hala, lo uzala uMadiba. Indlu ka-Hala yaziwa ngokuba ngamaHala, okanye amaDlomo.

KwiNkosikazi yakhe yaseKunene, yangu-Mawuse ithole leduna elidala. IKomkhulu labaThembu lalisaseMgwali (Clarkebury) ngelo xesha.

U-Mawuse ke wazala uTukwa ongunyana wakhe omdala kunye abantwana. U-Tukwa wazala u-Xhoba, lo uzala u-Mvangxeni. U-Mvangxeni kuthiwa wazibalula

kakhulu edabini, kulapho kwakusithiwa ngu ‘Tshatshu olithafa’ ngenxa yobukroti.

Ukusukela apho, waye waziwa ngokuba ngu-Tshatshu, nenzala yakhe kwathiwa ngamaTshatshu. Ubukroti ke abuphelelanga apha kuTshatshu. Unyana omkhulu kaMvangxeni (Tshatshu) u-Bawana, naye wazibalula

kakhulu kumadabi eloxesha, kuba nguye okuthiwa wayekhokela umkhosi wesizwe sabaThembu. Udadebo-Bawana yayingu-Suthu, owendela kuKumkani uNgqika wangundlukulu ozala u-Sandile. Unkosi uMaqoma yena wayezalwa ngu-Nothonto, kwindlu yasekunene, inguye ive tanci likaNgqika.

Njengendlu yasekunene, u-Bawana wacela imvume ku-Kumkani uNgubengcuka ukuba ayokuzimela, akhulise nesizwe sabaThembu.

Wafuduka ke u-Bawana esiya ngasentshona, wayokwakha ikomkhulu lakhe eSada, kufuphi ne Shiloh Missionary Station. Wafika apho kukho izizwe zooNoqhakankcu ezazingazinzi ncam endaweni enye, zihamba zifuduka zizingela.

Wathi akuzinza apho u-Bawana, laqala ukugqama igama lokuba bangama-Tshatshu.

Kungekudala u-Bawana ekulendawo, kuthiwa amaGcina afika ekhokelwe yinkosi yawo u-Gecelo. Kwahlalwa ngemvisiswano ke apho, kodwa emveni kwexesha yaqala ingxabano baphakathi kwezinkosi.

Enye inkosi eyafika phantse xesha nye namaTshatshu, ngunkosi u-Maqoma, Ah! Jongumsobomvu, wokunene kukaKumkani u-Ngqika kumaRharhabe.

Ngelaxesha abantu abantsundu babengekayazi into okuthiwa yingqesho emlungwini.

U-Maphasa waya kookhokho ngo-1830, kwangena unyana wakhe omkhulu u-Maphasa njengenkosi yamaTshatshu.

Abelungu babezama ngandlela zonke ukuba bathathe umhlaba wabantu abantsundu, kodwa babona ukuba akuzubalula xa iinkokheli ezi

zimanyene. Indlela abazama ngayo ukuba bathathe umhlaba abelungu, yayikuba baqale bathumele abefundisi babo (missionaries) ezazigaleleka zigalelekile kumhlaba wamaTshatshu.

Ngo-1831 kwavulwa i-Moravian Mission yaba kukuqala kweyona nkathazo kumaTshatshu, nezinye izizwe nezindlu zomzontsundu kula mmandla. Eminyakeni nje engamashumi amahlanu (within 50 years) ivuliwe lecawe yaseMoravia, izizwe ezinintsi

zabantu abantsudu zaziphulukene nemihlaba yazo. AmaNdungwana wona ayekhokelwa yinkosi yawo u-Qwesha ngelo xesha, uyise kaNdarhala.

Ukunyoluka kwamadlagusha kwaya kusanda nangakumbi ewufunapha umhlaba. Unkosi u-Maphasa wazama kangangoko anako enqanda amanzi ukuba angangeni endlini, kodwa ngenxa yokungabikho komanyano phakathi kwezizwe ezintsundu, bagqibela bephulukene nomhlaba bonke.

AbaThembu bathi bejongene namadabi amaKoloniyali, kwabe kugaleleka izizwe ezibaleka imikhonto yeMfecane. Kulapho ke amaphathi akomkhulu acebisa iKumkani yabaThembu ukuba ithumela kunkosi u-Maphasa ukuba abuye azokuncedisa kuloomadabi ababejongene nawo we-Mfecane. U-Maphasa waphendula ngelithi, kungcono abaThembu beze ngakuye kummandla waseNtsho (Western Thembuland) usajongene namadabi amaKoloyinali.

Kuthiwa, ngo-1839, i-Kumkanikazi yabaThembu, uMaFaku (Nonesi) inkosikazi ka-Kumkani u-Ngubengcuka, yafika kumhlaba ka-Maphasa ihamba yonyana wayo u-Mthikrakra. U-Nonesi ke wayeyintombi kaKumkani u-Faku wamaMpondo, engumntakwabo Ndamase, unina ingu MaNqayiya intombi yamaBomvana.

AbaThembu abanintsi balandela iKumkanikazi ukuya entshona kuba amadabi eMfecane ayesaqhuba. Emveni kokuba eswelekile u-Kumkani u-Ngubengcuba kulamadabi, kwangena umntakwabo u-Fadana wabambela u-Mthikrakra.

Ukufika kuka-Nonesi kulomhlaba kwathi kanti kuncedisana namaKoloniyali kummandla wabaThembu baseNtshona, kuba wacela ukuba makuvulwe ezinye icawe ezinjenge Imvani Missionary Station. Ngo-1844, u-Mthikrakra wathatha indawo njengeKumkani yabaThembu eneminyaka eqikelelwa kumashumi amabini anantlanu (about 25 years old). Abelumbi bamaKoloniyali, bekhokelwa ngudyakalashe omkhulu u-Peregrine Maitland (Governor of the Cape Colony) babona ikroba kanye kulondawo, atsho amtyikityisa isivumelwano okuthiwa yi-Maitland Treaty.

Ezinye zezibhambathiso zale-Treaty yayikukuba:

– abaThembu bazakuncedisana namaKoloniyali xa kukho ohlaselwayo phakathi kwabo.

– U-Kumkani u-Mthikrakra ze angavumi ukutyitya nokusebenzisana nabanye abelungu ngaphandle kwamaNgesi ama-Brithani.

– Amakholwa (Christian converts) akazuba phantsi kobukhosi kwaye iKumkani ibakhusele kunye necawe zabo.

– iKumkani izakubhatalwa imali eyi-100 yeeponti (100 pounds) ngonyaka.

– Xa kukho amaBrithani abanjwe edabini kunye nezinye izinto zabo (spoils of war), iKumkani iyakuzibuyisela kwabasemagunyeni.

AmaKoloyinali abona ukuba u-Maphasa makabekwe ecaleni kuba soze azivume ezi zibhambathiso. Nangoku, ukujongana ngezikhondo zamehlo phakathi kuka Maphasa namaKoloniyali kwaqhubeka.

Ngo-1846 kwagqabhuka imfazwe yezembe (War of the Axe) phakathi kwamaXhosa namaKoloniya. KumaXhosa, oyena mntu wayiphambili kwelidabi yayiyiKumkani yamaRharhabe u-Mgolombane Sandile kaNgqika, encediswa ngamaNdlambe kunye nabaThembu baka-Maphasa (amaTshatshu).

AmaKoloniyali wona ayekhokelwe ngama-Brithani asuka eLondon, encediswa ngamaBhulu, Khoi, kunye namaMfengu.

Kuthiwa uMaphasa waqala watshisa lacawe Imvani Mission, wandula wangena kutshaba lwakhe kooSomerset nooKaladokhwe (Cradock).

U-Kumkani uMthikrakra zange ayazi emakayenze kuba i-Maitland Treaty ka-1844 yayimbambe izandla neenyawo.

Emveni kwelodabi, u-Maphasa wafumana esona sohlwayo. U-Kumkani u-Mthikrakra kuthiwa wathatha iinkomo eziyi-100 000 ezazithinjwe nguMaphasa kwelodabi wazibuyesela ebelungwini. Kwezo, wathatha i-30 000 yezona yityebileyo wazibunika uPeregnine Maitland eDikeni.

Umhla wesixhenxe kweyoMqungu (7 January 1847), yaba kukuqala kokungena kwenkosi yamaTshatshu u-Maphasa ngaphantsi kwamaKoloniyali emva kweso sohlwayo. AmaXhosa oxuthwa umhlaba omnintsi emva kwelodabi.

AmaBrithani awuthiya ukuba yi-British Kaffraria Colony loomhlaba abawuxuthayo uphakathi kwemilambo i-Keiskamma ne-Kei.

I-Kumkani yabaThembu uMthikrakra wasweleka ngo-1849. Ngo-1850, kwagqabhuka idabi likaMlangeni amaXhosa ekhokelwe nguKumkani uSarhili kaHintsa, uMgolombane Sandile kaNgqika kunye noMaqoma kaNgqika.

U-Maphasa wangena naye kwelidabi zanqoza. Unkosi u-Maqoma kaNgqika, Ah! Jongumsobomvu, wazibalula kakhulu kwelidabi ejongene no-Harry Smith neqela lakhe, u-Maphasa ejongene no Tylden neqela lakhe kwidabi lase-Mvani.

Ngelishwa, kweyoMqungu ngo 1852, inkosi yamaTshatshu, uMaphasa kaBawana kaTshatshu kaXhoba kaTukwa kaMawuse kaDlomo kaNxeko, wadutyulwa nguGeneral Tylden kude-kufuphi necawe, Imvani Mission.

KweyoMdumba (February) 1853, u-Mgolombane Sandile kunye nezinye iinkosi zamaXhosa, zaxhoma, kuba zibona ukuba umkhombe ubhembesile.

Lelodabi elenza ukuba mdak’ontsundu ongeva sepha zabelungu uphulukane nemihlaba eminintsi.

Imihlaba yamaTshatshu yoxuthwa ngamaKoloniyali. Eminye yalemihlaba kulapho ngoku kukho iKomani ne Whittlesea, neminye eminintsi. Apho wayenekomkhulu lakhe u-Maphasa, lomhlaba wanikwa u-Willem Bouwer, kunjalo uGungubele kaMaphasa wazama ngandlela zonke ukuwithenga lomhlaba, kodwa wangavumi tu, u-Willem Bouwer.

U-Gungubule wayesemncinci ngeloxesha, ngoko ke, wabanjelwa ngunina u-Yiliswa. KweyoKwindla (April) 1856, u-Sir George Grey waqhatha intombazana eniminyaka elishumi elinantandathu (16-old girl) egama lalingu-Nongqawuse.

Yaba kukuqala kokubulawa kweenkomo, kwatshiswa masimi, kwanzima phantse kwilizwe lonke elithetha isiXhosa.

uNkosi uGungubele naye wathatha apho uyise wayeshiye khona. Ngo-1878, wakhokhela idabi elaziwa ngokuba yi “Tshatshu Rebellion”/”Thembu Rebellions” esilwa namaKoloniyali aseBrithani, ekwancedisa amaGcaleka kunye namaNgqika. Unkosi uStokwe wamaQwathi, uGecelo wamaGcina, nezinye iinkosi nazo zangenelela kwelidabi.

Kwacaca ukuba bayoyisakala yimipu yamaKoloniyali, boyisakala. UNkosi u-Gungubele wabanjwa kunye namadoda aliqela, uNkosi uMfanta Manzezulu Mthikrakra, uHlanuka, Booi Xalesho, Gotcha, Gladin, Zinami, Bekani, Bangi, Dyasi, Fonoze, Bongolo, Takaza, Mamkeli, Solekwa, Makendlana, namanye.

Ukungenela kukankosi u-Stokwe no Gecelo kwenza ukuba bohluthwe isithile saseNdwe, iCala, iKhowa, Hewu neKomani. Kuthiwa, kwathi kuseseso simbonono, u

Wagwetya udilika jele eRobben Island. Wakhutshwa kweso siqithi ngo-1914, wasweleka eQhitsi kuCofimvaba ngo-1925.

Unyana kaGungubele omkhulu nguGcuwa ozala uSobantu. Ngo-1981, uSobantu wabuyela eGwatyu wamiselwa njengenkosi yamaTshatshu. U-Sobantu nguyise ka uJongulundi, inkosi yamaTshatshu ekhoyo ngoku.

Alulutho Sopazi’s Life Story

Lo ngunyana ka Mzamo Sopazi uLisa, Sanzanza, Jambase, Hlathi , ndizalwa yintombi yasemaKwayini,Togu, Ngconde, Butsolo beentonga ozalwa nguMamQocwa JoJo, Tiyeka.Ndizalelwa kwelalizwe laseBhayi , emveni kokuba ndashiywa ngumama ngonyaka ka 2010 , ndayotshona kwilizwe laseMonti eMdantsane.

Ndikhuliswe ngudad’bomama pha eMdantsane ndifunde amabanga aphantsi e R.H Godlo Primary School, ndaze ndayokufunda kwisikolo sabelungu i Advance For Life Christian Academy ,ngenxa yoqwatywa sisingasi ndiyandabuyela kwisikolo esithetha ulwimi lwasekhaya R.H Godlo.Ndifundile ndaze ndayofikelela kwisikolo samabanga aphezulu iVulamazibuko High School eMdantsane N.U 6.Ndifundile ke apho kwadikwaba kanti kunamhlanje.

Izibongo zamaNguni Nguni Clan of South Africa

B

Bhembe: Mashinini, Guliwe

Bhengani: Singo, Nyambawu

Bhengu: Ngcolosi

Bhuyeni: Sigwaxa

Biyase: Khathini, Ziqubu

Biyela: Ntshangase, Menziwa

Blose: Ndelu, Shinga

Bophela: Hlomuka, Ngidi

Bukhosini: Mtshali

Buthelezi: Shenge, Sokwalisa

C

Caluza: Mnguni

Cebekhulu: Linda, Nsele

Cele: Ndosi, Khumbuza, Dubandlela

Chamane: Nzama, Wosiyane

Chili: Mthuli, Ngwenya

Chiliza: Mdunge

Chonco: Gambushe

Chule: Nxele

Cibane: Shongololo

Cindi: Mahlaba, Mashinini

D

Dimba: Dukada, Fanisa, Fenya, Nkundlande,

Mnguni

Dindi: Mhlongo, Mgabhi, Njomane

Dladla: Gadlela, Vezi, Ngazitha, Mgabadeli,

Mhlophe

Dlamini: Nkosi, Sibalukhulu, Mlangeni

Dlamlenze: Shamase, Nzima

Dlangalala: Galu, Nyamenja

Dlomo: Mkhabela, Dinangwe, Bhelesi

Dlodlo: Nyandeni, Mabanga, Mpangazitha

Dludla: Cebisa, Sikhakha

Dludlu: Mtima, Mzomba, Sikhakhane

Dlame: Mwelase

Dlungwana: Nondaba, Gagashe, Zondi

Donda: Ngonyama, Masinga, Thusini,

Manqele, Mzimela

Dubazane: Mwelase

Dube: Maqhama, Mafukuzela, Khushwayo,

Nsizwakele, Shozi

Duma: Ntenga, Mthombeni, Lwandle

Dumakude: Shange

Dumisa: Gcwensa, Ndimande

Dunge: Chiliza

Duze: Seyama

F

Fakazi: Fakude, Fihlela

G

Gabela: Lindamkhonto, Mgabhi, Nsele,

Mnungwa, Vezi

Gama: Shabangu, Mbokane, Mdluli, Manyoni

Gamede: Magadlela, Mkholwa,

Sebenzekhaya, Mbebe

Gasela: Chiliza, Mdunge

Gazu: Sibiya

Gcaba: Thembela, Nombela, Mbuso

Gcabashe: Mnguni, Gumede

Gcaleka: Mthembu, Mvelase

Gcumisa: Ngwazi

Gcwensa: Mzulwini, Ndimande

Gebashe: Ngcaweni, Mnguni

Gedeza: Mnyandu, Nongalaza, Mpangazitha

Gina: Mhlungu, Magadlela

Gininda: Nyembezi, Shamase

Goba: Mbambo, Magoza

Gobhozi: Nyuswa, Ngcobo, Fuze

Gule: Malambule, Nselenduna

Guma: Siyaya, Mangena

Gumbi: Ndandali, Mlotshwa

Gumede: Qwabe, Mnguni, Khondlo, Yeyeye,

Phakathwayo

Gwacela: Mbili, Mhlanga

Gwagwa: Mlambo, Qunga

Gwala: Mphephethwa, Nkondlwane

Gwamanda: Yenga, Sochumase

H

Hadebe: Mthimkhulu, Bhungane

Hlabisa: Ngotsha, Mdinwa, Songiya,

Somfula

Hlatshwayo: Mhayise, Mavuso, Swazi,

Cebisa

Hlela: Madlula, Hangala, Kunene

Hlengwa: Mashasha, Thoyana

Hlongwa: Gabhisa, Mtumaseli, Lange,

Khawula, Gence

Hlongwane: Ngwane, Sangweni, Zikhali

Hlophe: Thumbeza, Myeni, Sameya

Hlubi: Nkosi, Ludonga, Mavuso

J

Jali: Bhengu, Ngcolosi, Dlabazane, Ngwane

Jama: Dlamini, Mzizi, Sijadu

Jamile: Nkamzwayo, Mehloluhlaza, Ntsele

Jele: Luvuno, Nonyana, Sokhwebula

Jili: Vilakazi

Jiyane: Mkhathini, Magolwana, Mahlinza

K

Khaba: Ngobese, Mqungebe

Khambule: Mlotshwa, Mncube

Khanyeza: Ngwane

Khanyile: Ngwane

Khathi: Nandisa, Mbende, Sotobe,

Phakathwayo, Sibiya

Khawula: Hlongwa, Gebhezi, Ntombela,

Ntanzi

Kheswa: Mnguni, Nozulu, Mpangazitha

Khomo: Sibiya, Zamisa

Khoza: Mlotshwa, Msuthu, Ndlandla

Khubisa: Nkomo, Ncube

Khuboni: Maseko, Simelane

Khulu: Mbulaze, Mntungwa

Khuluse: Hlongwa, Gabhezi, Mdindela

Khumalo: Mntungwa, Mabaso

Khumbuza: Cele, Ndosi

Khuzwayo: Qwabe, Gumede, Mnguni

Khwela: Ndulini

Khwane: Dlakela, Gugushe

Kubheka: Khathide, Sobote, Magononde

Kunene: Madonsela, Mtimande

Kweyama: Vezi, Dladla

L

Lamula: Zinyane, Mthembu

Langa: Sothole, Ngwane, ,Mcwaye

Lembede: Ndima

Linda: Cebekhulu

Lukhele: Mdluli, Nzimande

Luthuli: Madlanduna, Mshibe

Luvuno: Malembe

M

Mabanga: Dlodlo, Langa, Mpangazitha

Mabaso: Mntungwa, Ndabezitha, Mbulazi

Mabhena: Musi, Mhlanya

Mabizela: Mshengu, Shabalala, Ndimande

Mabika: Dinane, Dinabantu

M

Mabuya: Msibi, Ndlondlo, Ngwenya,

Mntimande

Mabuyakhulu: Ndiyema, Mdotshana

Mabuza: Ludonga

Made: Zimbu, Ngwane, Zimase, Mkhandlela

Madela: Longode, Ndaba, Hhoyiyane

Madiba: Shinga

Madi: Ngalonde, Ngwane

Madide: Phikela, Mawanda, Sompisi

Madlala: Mpumuza, Bhengu, Sishi,

Khabalidaka, Nodlomo

Madondo: Mnguni, Mnquhe

Madonsela: Kunene, Mntimande

Maduma: Mthiyane

Maduna: Mdlalose, Nyanda

Mafulela: Mafobo, Ndondakusuka

Magagula: Mthombeni

Magubane: Thole, Nkomose, Sothole,

Ndlandla

Magutshwa: Simelane

Magwaza: Yengwayo

Mahaye: Nodanga, Ntombela, Ntanzi

Mahlaba: Mbunjwa, Nsukuza, Shengele,

Cindi

Mahlalela: Maziya, Mcanco

Mahlangu: Mabhoko, Mbili, Phetha

Mahlinza: Jiyane, Zosongo, Mkhathini

Mahlobo: Sokhela, Nzuza

Maila

Majola: Macingwane, Mchunu

Majozi: Mnqamu, Gwanyana, Mbhulangwe

Makhanya: Duze, Mnguni, Yeyeye

Makhaye: Shombela, Mdeke, Nyawokhulu

Makhathini: Mncwabe

Makhaza: Luvuno, Sokhela

Makhoba: Sengwayo, Ncwane

Makhunga: Phethela

Malevu: Vezi, Kunene, Ziqunde

Malinga: Mlotshwa, Vunisa, Zindela

Maluleka: Thomoyi

Mamba: Nkosi

Manana: Ncusi, Mbuyise, Nkabinde,

Ndimande

Manqele: Duyaza, Phakathi, Ndaba

Manyoni: Mlotshwa

Manzi: Nonkululeko, Qomazitha,

Nyokayebululu, Njinji

Manzini: Zungu

Maphalala: Khoza, Mtimande, Mavuso

Maphanga: Gumede, Ginindza

M

Maphisa: Mlambo, Sishange, Mabhedla

Maphumulo: Mashimane, Doncabe, Zikode,

Cwalile

Masango: Ntusi, Mdluli

Maseko: Ngcamane, Khuboni

Mashaba: Ngungunyana, Phoseka

Mashinini:Guliwe, Bembe, Cindi

Masikane:Tiba

Masina: Mathebula, Mkholo

Masinga: Shobane, Njomane, Mangethe

Masilela: Mntambo, Mlondo

Masondo: Nyambose, Mpanza

Masuku: Nhlane, Ndwandwe

Mathaba: Mcambi, Mbuyazi

Mathe: Ncanana, Thenjwayo, Mzilankatha

Mathebela:Nsele, Lindamkhonto, Mthembu,

Sodiza, Ntongadli

Mathebula: Masina, Mkholo, Mthombeni

Mathenjwa: Ndabezitha

Mathunjwa: Mvubu

Mathibela: Msuthu

Mathonsi: Shekimbuya

Mathwasa: Silangwe, Ntamonde

Mavundla: Bhembe, Mwelase,

Mngwemkhulu, Thabekhulu

Mavuso: Ludonga, Mshengu, Shabalala

Mayise:Phakathi, Nkomoye, Nsele

Mayisela: Mhayise, Jibela, Mbonane

Mazibuko: Mwelase, Manzezulu, Nzima,

Phuthini

Mbamali: Mveni, Thobeni, Nhlanhlampofu

Mbambo: Goba, Magoza, Mdunge

Mbanjwa: Sokhela, Magujwa, Dindela

Mbatha: Shandu

Mbebe: Guliwe, Mashinini

Mbeje: Mbatha, Shandu

Mbhele: Khuboni, Godide, Ndlela

Mbhense:Nsibande

Mbili: Khosini

Mbokazi: Donda, Sontuli, Hlumakazi

Mbonambi:Mbuyazi, Mabhodla

Mbongwa: Mbuyisa, Makhubo

Mbongwe: Sondisa, Maphanga

Mbotho: Nsindane, Mtolo, Mshikela

Mbuli: Mlawula

Mbuyisa: Mlotshwa,Sikhunyana, Mbuyazi,

Mbonambi, Dube

Mcambe: Mathaba

Mcanyana: Mayeza, Kholose, Mshiyane

Mchunu: Macingwane

Mcoyi: Gumede

Mdaka: Nhlabathi, Mdomula, Magezana

Mdakane: Mlangatshe

Mdladla: Thumbela, Mwelase

Mdlalose: Nyanda, Maduna, Dikane

Mdletshe: Ngomane, Msindazwe

Mdluli: Nyoka, Lukhele, Nzimande, Sikwayo

Mdonswa: Nguse

Mdunge: Chiliza, Mwelase, Mbambo,

Makhathini

Memela: Gambu, Msuthu, Nontuli

Meyiwa: Msomi, Gasa

Mfeka: Mzimela. Mnguni

Mfusi: Thiyane

Mgcaleka: Mthembu, Mvelase

Mgenge: Maphahla

Mgobhozi: Mahlobo, Mnguni, Yeyeye

Mhlambo: Mngwengwe, Mzilankatha,

Nyazitla

Mhlanga: Gwacela, Mbili

Mhlangu: Gwacela, Mbili

Mhlongo: Njomane, Langeni, Mgabhi,

Makhedama, Khuyameni

Mhlophe: Dladla, Gadlela

Mhlungu: Mthiya, Mwelase, Ngwane

Miya: Mzizi

Mjadu: Sonqandile, Mshikila, Ndlela

Mjwara: Mbelu, Mnangwe, Gubeshe

Mkhabela: Dlomo

Mkhatshwa: Nxumalo, Ndwandwe

Mkhithi:Zaza, Mkhokeleleki, Mbembe,

Langa

Mkhize: Gubhela, Khabazela, Gcwabe

Mkhonza: Mhlongwane, Ngwane

Mkhulisi: Mwelase, Mthembu

Mkhumbuzi:Magaye, Cele

Mkhungo: Lango, Sodi

Mkhwanazi: Nkwali, Ndonga, Shamase,

Mwelase

Mlaba: Ximba, Mabhoyi

Mlambo: Gubhuza, Ndlanzi, Magaye

Mlangeni: Magasela, Sishiya, Madondo,

Mdephane, Linda

Mlawu: Nzamela

Mlondo: Mgenge, Mntambo

Mncube: Khambule, Mlotshwa, Mzilankatha

Mncwabe: Mpangazitha, Phakathi,

Sishangwe, Mjoji, Makhathini

Mngadi: Madlokovu, Ngema

Mngoma: Cenge, Mkhongisa

Mngomezulu: Dlakadla, Msuthu

Mnguni: Mzimela, Khonjwayo, Donda,

Mfeka

Mnikathi: Gcwensa, Khaphela

M

Mnisi: Mvulani, Nkophe

Mnomiya: Gininda, Shezi

Mnqayi: Mashiya, Linda Nsele

Mntambo: Mlondo, Vezi, Masilela, Jiyane

Mnyandu: Mpangazitha, Bhedleni

Mnyoni: Dlamane

Motha: Mvulane

Mtolo: Nsindane, Mboko

Mpanza: Sandanezwe, Thabekhulu,

Mavundla, Siwele, Donda

Mpila: Delwayo

Mpofana: Ntombela

Mpungose: Khuba, Gawozi, Phahla

Mpunzana: Mavundla, Mpanza

Mqadi: Mbuyisa

Msane/Msani:Vangisa, Mvuna, Majoka

Mseleku: Duma, Lwandle, Mthombeni

Msibi: Ndlondlo, Guliwe

Msimang: Thabizolo, Nonkosi

Msomi: Nyawose, Phingoshe, Gasa,

Nomndayi

Msweli: Nxele, Seme, Nongalo

Mthabela: Chibi, Mlotshwa

Mthalane: Weza

Mthanti: Mnyaka, Mthiyane, Ntsele

Mthembu: Mvelase, Mkhulisi

Mthethwa: Jobe, Nyambose, Masondo

Mthimkhulu: Hadebe, Bhungane,

Makhulukhulu

Mthiya:Zubane, Mbatha

Mthiyane: Sokhulu, Luvuno, Zondo, Mazwi

Mthombeni: Magagula

Mtshali: Hlabangane, Mantshinga, Magalela

Mtolo: Dlangamandla

Mvubu: Mgasela, Mdluli, Mathunjwa

Mvula: Duma

Mvuyana:Khumbuza, Cele

Myeza: Ndengezi, Msokazi, Mzukwuse,

Dimbane, Mpangele

Mwandla: Nqumela, Magange

Msweli: Dubandlela

Myeni: Mzukase, Mnguni, Mzimela,

Mziyankatha

Mzila: Mawewe

Mzileni: Nyawose

Mzimela: Mnguni, Dimbani

Mzizi: Dlamini

Mzobe: Lamula, Phohla

Mzolo: Dlangamandla, Gasa, Mbungela

Mzoneli: Phingoshe, Msomi

Mzulwini:Gcwensa, Shozi, Ndimande

N

Nala: Gwija, Mhlophe

Ncala: Njiki, Maphanga

Ncwane: Gwamanda, Cebekhulu, Dlamdaka,

Linda, Nomvuma

Ncanana:Mathe, Thenjwayo, Mzilankatha

Ncongwane:Nkwakha

Ncube: Mzilankatha, Nzimande

Ndaba: Manqele, Sibhene, Madela, Mhlungu,

Mthiyane

Ndabandaba: Mahamba, Sidlodlo,

Mphephethwa

Ndawo: Yamela, Khoza, Khobeni, Mphahlwa

Ndawonde: Zitha

Ndebele: Mazankosi, Vanande

Ndima: Lembede

Ndimande: Gcwensa, Mzulwini

Ndlala: Khezokhulu, Tukane, Mlalane

Ndlangamandla: Mphazima

Ndlanzi: Hadebe, Bhungane, Mthimkhulu

Ndlanya: Mjoli, Mbekwa

Ndlela: Bayeni, Sompisi, Godide, Mphemba

Ndlovu: Gatsheni, Boyabenyathi

Nduli: Khwela

Ndulini: Khwela, Sithombo

Nene: Sithenjwa, Madlokovu, Ngema

Ngcamu: Mncube, Mzilankatha

Ngcemu: Makhathini, Xulu, Donda

Ngcobo: Mavela, Fuze, Mapholoba, Mbili

Ngema: Mngadi, Madlokovu, Ntusi, Nene

Ngiba: Mlungwana, Zikhungwini

Ngidi: Hlomuka

Ngobese: Mqungebe, Donda, Mthinti

Ngonini: Mlawu

Ngubane: Mbomvu

Ngubeni: Nkomo

Ngwenya: Mtimande

Ngwazi: Zumbisa, Cele, Mbutho, Gcumisa

Nhlanhla:Mncube

Nhlapho: Sigegede, Mwelase

Nhleko: Mgilija, Mncwango

Nhlengethwa: Msuthu

Nkabinde: Mcusi, Mzizi

Nkonyeni: Chibini, Khanyayo

Nkosi: Dlamini

Nkumane: Zitha

Nkwanyana: Zikode

Njapha: Soduba, Vabaza, Siyeshe

N

Nogantshi: Dlamini, Jamasijadu, Sitolotolo

Nsele: Linda, Hadebe

Nsibande: Goje, Mdlanyoka

Nsibanyoni: Malambule

Ntaka: Mzimela

Ntanzi: Khawula, Gebhezi, Mahlobo,

Ntombela, Zulu

Ntenga: Duma

Ntombela: Mahlobo, Mpangazitha

Ntuli: Mphemba, Mbhele

Ntshangase: Mgazi, Biyela, Menziwa

Ntshalintshali: Phathwayo

Ntshingila: Dlabane

Ntshiza: Mtolo, Dlangamandla

Nxamalala: Zuma

Nxasana: Nonduma, Bele, Sikhonza

Nxele: Sweli, Semi, Msweli

Nxumalo: Ndwandwe, Mlaba, Mkhatshwa

Nyandeni: Gasela, Khukhuza, Mashobane

Nyawo: Dumakude, Mlaba

Nyembe: Thwala, Siwela

Nyembezi: Nkwaliyenkosi, Shamase,

Mkhwanazi, Nkwali

Nyide: Ndabase, Mahulube

Nyongwana: Nyuswa

Nyoni: Mbebe, Gwalagwala,

Nyoniyamakhosi

Nyuswa: Ngcobo, Fuze, Mapholoba

Nzama: Zukula, Chamane, Wosiyane

Nzima: Phakathi

Nzimande: Mphephethwa, Mdluli, Mdlobhiya,

Mangcamane

Nzimase: Sishi

Nzuza: Mshazi, Mahlobo

P

Phakathi: Mncwango, Sigagu, Juqula

Phewa: Mvelase

Phoswa: Nyoni, Gengeshe

Phungula: Mdlovu

Q

Qwabe: Gumede

S

Sabela/Sabelo: Gwamanda, Mdlumbi,

Maphindela, Vezi

Sangweni: Hlongwane, Ngwane, Zikhali

Seme: Mbuyazi, Msweli

Shabane: Mboyisa, Mlinga

Shabalala:Mshengu

Shabangu: Mbhele, Gama, Ntuli

Shandu: Mbatha, Mthiya

Shange: Dumakude, Mdima

Shangase: Shuku

Shazi: Zindela, Cebekhulu

Shelembe:Maphalala, Mzamela

Shezi: Dlaba

Shinga: Ndelu, Blose, Madziba

Shoba: Mpikela, Mathumba, Mjakada,

Nowanqa

Shoyisa: Mnqayi

Shozi: Mthiya

Sibaya: Thango, Gotsholo

Sibeko: Maziya, Mkhabela

Sibisi: Mahlase, Bhovungana, Gamede

Sibiya: Ndaba, Sotobe

Sikhakhane: Mathula, Nzimase

Sikhosana: Ncama, Msamkhulu, Somboni

Sikobi: Ngwenya

Simelane:Magutshwa

Sithole: Mondise, Jobe

Siyaya: Guma, Mangena

Sishi: Nzimase, Mathenjwa, Ncwaba

Sokhela: Nzuza, Mahlobo

Sokhulu: Mthiyane

T

Thabethe: Mangede

Thango: Sibaya, Jiyane

Thela: Mhlabandlovu, Mtimande

Thembekwayo: Dlamane, Masina

Thembela:Nombela, Gcaba

Thenjwayo: Nsibande, Gabadela

Thwala: Mnyamande, Nyembe, Motha,

Siwela

Thusi:Sishange, Dlebenkomo, Mlotshwa,

Mfene

Thusini: Donda, Manqele, Mnguni, Mlaba

W

Wanda: Mathetha, Mphankomo

Wela: Qwabe, Gumede, Yeye

Weza: Mthalane

V

Vezi: Kweyama, Mnembe

Vilakazi: Mphephethwa, Jili, Binda

Vumase: Sikhumbane, Mfumu

Vumisa: Nkala

Vundla: Gigaba

X

Xaba: Nonkosi

Xala: Gubulundu, Mbanjwa, Zizi, Dlamini

Xhakaza: Bhengu, Nondela

Ximba: Mlaba, Nondlela, Msuthu, Thusi

Xolo: Msuthu, Ntamonde, Thusi

Xulu: Makhathini, Gxabhashe, Sonkophe,

Jiba

Y

Yengwa: Gwamanda, Sondini

Yeni: Shibase, Zondi

Z

Zaca: Msenti, Majila

Zakwe: Cebisa, Mdlolo, Lindamkhonto

Zama: Dingila, Nombhoco, Gcugcwa,

Wosiyane

Zibani: Zikhonjwa, Nontanda

Zikhali: Sangwani, Hlongwane, Ngwane

Zincume:Mhlongo, Njomane

Zindela: Malinga, Mlotshwa, Shazi,

Cebekhulu

Zimu: Mtuswa, Mbhodwe

Ziqubu: Biyase, Khathini

Zitha: Ndawonde

Zondi: Nondaba, Gagashe, Luqe

Zondo: Mthiyane

Zubane:Mthiya, Zikhonjwa

Zuke: Mbhedu, Bikelwayo

Zulu: Mageba, Ndabezitha, Sithuli

Zuma: Msholozi, Nxamalala

Zungu: Manzini

Zwane: Mangethe, Cebekhulu