Mtolo

Tolo,

Nongwadla,

Mchenge,

Bhanekazi,

Ngwenyankomo, Dlangamandla,

Zulu, Masali, Mfingo,

Amajubantlantsi,

Vumba lempongo liyanuka, Nozinja ziyakhonkotha,

Kuba zithi : “Hawi! Hawu! Hawu! Xa zibon’umnt’ozayo, Nozinja ziyafulathelana, Kanti zenz’umntwana, Umlamb’ awuwelwa, Uwelwa ziinkonjane kuphela, Zona zimaphiko made, Nkomo zikaGaxaza! Oonkuni azothiwa, kuba zithezwe yinkosazana, Bona babasa amadaka eenkomo zabo, Izinto ezifuye inkomo zafuya negusha nehashe.