Gcaga Clan
Gqokashe,
Madluba !
Lubhelu olu Manz’ eNdonga,
Khela,
Mfaz’ obele linye elanyelis’ iwaka labantwana phesheya komfula,
Sihlobo sika-Tshotsho,
Ndzwane !!
Tag: Gcaga
AmaGcaga- ngooNdonga ziLubhelu, ooManz’andonga, Ndongane, Madluba, Gqokashe, Mpondomise, Khela kaNzwane, Nzwanenkulu, Mbangulana, Dlambulo, Ganagusha wena uMhele-hele okomoya weliwa, Khohlw’into ezimbi, Mathandwa ehamba njengeLanga lona lingatshoyo ukuba belitshonile ngezolo, Mfazi obele linye owenyisela iwaka labantwana phesheya komlanjana. UGcaga liphelo likaNgcwini kwindlu enkulu ngentombi uMaNgutyana waseMaMpondweni. UNkosi uNgcwini waye wazala uDosini esalekelwa nguNgqukatha( amaNqana ) kugqibele uGcaga. Lonto ithethe okokuba uDosini uNqana noGcaga ngumzi omnye, kodwa sele babaziziduko ezizimeleyo nezikwaziyo ukwendiselana kwaye azidibenanga tuu noMajola. Kwezinye ke izindlu zikaNgcwini kuphume uBhukhwana inkulu, uNxotwe noZumbe ekunene, uNgcinase noNgcitshane, kubekho noCirha oliThole loMthwakazi eqadini likandlunkulu. . Camagu.