AbakwaNDLELA brief History and Origin:

AbakwaNdlela ngamaSwazi ngobuzwe.
Babemi eBovini kwaNyamenja.EBovini apho yayingumhlaba onendlala kakhulu.

Babekholisa ukuza kurweba ukudla emaHlubini, apho kwakwendele intombi yakhona, uNgiyiwe kuBungane. Baphelela ekuchithakaleleni kumaHlubi.Ngenkcithakalo yamaHlubi basinga eluSuthu kwaZicwalile nakwaMohale.

Bafuduka kwelo basinga eHeshele kwaMhlambiso kaMthimkhulu, owaye eyinkosi kwelo eseyedwa.Behlile kwelo, Beza eGriquaIand East.

Namhla uninzi lwawo lukwaLuphindo, kwaMagadla, kwaMgubo, kwaMadlangala nakwaLebenya.”

NgabakwaSigula Sagul’ enkundleni kwaMtambose.
Ohamba ngomend’ unyanyaza ngenyongo yembuzi.
NgabakwaMnyanyathek’, ababele limnandi,
Ongath’ uma uhamba ngomend’ unqwenele ukulikhwebula.

NgabakwaNongobe zinengozi,
EakwaNaka-naka ndiya khala,
AbakwaHlab’ indoda yanyel’ emphandeni.
Zizilila gazi, kant’ abanye balil’iinyembeziZizibekuza, izaala-kulandelwa.NgabakwaNyathikazi, bakwaNodabekhulu.
Yeyheni maNdlela!

Phumani eSwaziniNize nembeleko,
nize kubeleth’ umntwana
Usenkundleni yamaHlubi!
NgabakwaLudonga-dilika kade sinath’emaxhaphuzeni. “

Source: from a book titled Iziduko ZamaHlubi, Henry Masila Ndawo, The Lovedale Press, 1939