Nxotwe-Gqagqa kaGqikazi, Gabazi, Qamkazi, Jali, Madidiya, Phungane, Zaphe, Njilwane, Maphemba ngamaphepha amalahle ekhona, Mafuza afulele njengelifu lemvula, Malangana, Sikhomo, Mathumb’amhlophe.

AmaNxotwe sisiduko phantsi kwesizwe samaMpondomise. UNxotwe uzalwa noNgcitshana kumfazi wasekunene kaNgcwina. UNgcwina eyinto kaNtose kaMalangana kaNjanya kaSkhomo kaNdunu kaMpondomise!!