Njuza Clan History / Origin
Mandisukele pha Kuyisemkhulu ka Njuza, u Skhomo (owaziwa njengo Skhoma)
U Skhomo uzala
U Rhudulu
Rhudulu lowo ebenabafazi abaliqela, ndizakubalisa ke ngaba baye bagqama ngonyana bano.
Kumfazi omkhulu u Rhudulu uzale
U Makhala (owaziwa njengo Makhal’endlovu) onguyise Ku Njuza
Waze uRhudulu kumfazi omncinci wazala
U Snuka onguyise Ku Tshangisa
URhudulu uzalile indoda engu Nxuba ngokwembali usasithele uba uzalwa ngowesingaphi APA ebafazini, kodwa uNxuba uyise woqobo ngu Rhudulu kodwa yena Nxuba engemva apha Ku Makhala no Snuka, Kuba bona icacile into yabo ngunyana bedlu enkulu nowendlu encinci, ngu Makhala no Snuka abo
Mandihambe kakuhle no Makhala Lo uzala u Njuza kumfazi omkhulu
Makhala (unyana wokuqala ka Rhudulu)
Njuza: unyana omkhulu ka Makhala (umzukulwana Ku Rhudulu, impatha mkhonto kwindlu enkulu ka Rhudulu ngokohlobo lwesithethe.
Viji/Viedge unyana omkhulu ka Njuza(isizukulwana Sika Rhudulu)
Make ndime apho NGO Njuza ngokomnombo wakhe
Nzantsi imbambano:
Uninzi into ethi uNjuza Lo uzalwa ngu Nxuba, phofu kukho oNxuba abatshata uNtombi zakwa Njuza, nako Njuza ngokunjalo. Ndithi tshotsho kubenjalo kuzodana lomlomo uzalisa ukhokho wethu NGO Nxuba singama Njuza phofu uNxuba Lo engu Tata omncinci apha koo Njuza. Nangok Xa kusithiwa kumlambo wama Rhudulu abavunyelwa basondele ababafazi bondele kwaNxuba bengama Njuza, Kuba umqondo uthi singabantaki Camagu kulamaRhudulu ayibonayo lonto
Ikhona nembali ethi Njuza Lo uzalwa ngu Tshangisa, Thina singama Njuza sima entla ngalonto. UTshangisa ngumntakwethu kuthi maNjuza. Camagu
Nazi izikhahlehlelo zama NJUZA
Makhalendlo, Injuza zamanzi, into ezingathi Nkosi mntwini Kuba zinkosin ngokwazo, uNohiya wehlathi, Tyholo elibambayo, Tyholo elibambayo, mfuthulezweni, into ezixhagwe ngamalanga amabini (elinye lisesibhakabhakeni, elinye phantsi kwamanzi); inkwenkwezi zempumelelo, colothi oludlala imivundla, into ezintomnga emfutshane yoqeqesha amankazana phesheya komlanjan, into ezibafazi abawela umlambo bengafinyezanha Kuba besoyika ubhentsela iingwevu etc. Camagu Njuza!! zukulu Ku Rhudulu
Ukuzalwa Kuka Njuza
Make ndithi gqabagqaba ke ndonjenje
Ngelixa unaka Njuza elunyelwa uzalwa Kanye Xa caba uxheshekile, kwasuka kwagqabhuka umthombo entla phakathi endlini, sathomalala emva Koko isisu kunaka Njuza namanzi anqamka omthombo, ethubeni, Xa ephinda elunywa waphinda umthombo wavela, wazalwa umntwana.
Inkondekazi, nenkonde zamaxhego nezazi masiko nezithethe ezazikhona apho zathi, apha sizalelwe Injuza zamanzi ngenxa yalommangaliso womthombo wavela endlini ngexesha lokulunywa nokubelekwa nomntwana.
Kulapo labels khona igama Lila Njuza. Camagu Juza yamanzi!!!
Ndizijongile ke ezinye imbali ezi ngokuzalwa kuka Njuza, hay Thina baphuma kwikomkhulu lamaNjuza Ku Tsolo kwiilali zase manga asizazi. Camaguuu Makhal’endlovu
Thina ke bo Njuza asingabo o Ndlovu, Xa kuthiwa Makhal’endlovu, kuthiwa MAKHALA ENDLOVU
not leyo ethi ukhokho wethu wathiywa ngempumlo zendlovu. Xa uthi kuthi Ndlovu uyasilandla ngoba asinto Thina koNdlovu. Nozibiza njalo ekwindlu ka Njuza wenziwa kumfazi. Camagu, Makhala ka Rhudulu, Camagu!
Leave a Reply