Lo ngumlando woo-Mpasa (okanye ama-Mpasa). Lomqulu ungezantsi uliphepha elisaphilayo (a living document) kwaye ke inkcukacha ezithe vetshe zizokongezwa ngokuhamba kwexesha.
Esisiduko/sithakazelo sihamba ngoluhlobo: Mpasa, Mathaba, Mtshitshikazi, Ntibani, Dobo, Phangela, Ntulwana, Siwenya, Nkuthe, Mnyama, Ndingi, Gasela.
Inzalelwana yolusapho izibiza ngokohlukana kodwa ibe ithetha into enye. Abanya bathi bangamaNtibani, abanye ngoo-Gasela, abanye ngoo-Ndingi, njalo-njalo. Esisiduko sesase Mampondweni kwaye sinintsi kakhulu kwezidolophu: Ntabankulu, Libode and Lusikisiki.
Ndumiso
Ndumiso mpasa,dobo,nokulila,maganda,kaswenya,mnyama,nendaba,gasela,sicibilili ndini,phangelutshaba,nokulila,nkuthe,ndothi mandizamuzityibela ngokwam aphekhaya.