Nxotwe-Gqagqa kaGqikazi, Gabazi, Qamkazi, Jali, Madidiya, Phungane, Zaphe, Njilwane, Maphemba ngamaphepha amalahle ekhona, Mafuza afulele njengelifu lemvula, Malangana, Sikhomo, Mathumbโ€™amhlophe.

AmaNxotwe sisiduko phantsi kwesizwe samaMpondomise. UNxotwe uzalwa noNgcitshana kumfazi wasekunene kaNgcwina. UNgcwina eyinto kaNtose kaMalangana kaNjanya kaSkhomo kaNdunu kaMpondomise!!