Bambela
Ndaba 

Tshibase, Bhadela, Mntungwa, Nonunu, Nomangcangca, Nogubel’egoduka, Nzipho zimnyama kukuqhwaya, Nkuluka, Dzujana, Choboka nje ngomkhuma woThukela, Nyawo zimhlophe noxa zinodaka, Ntombezintle nabayeni bazo, Bharuza, Manyuza, Njujane, Nothuli, Nomangcangca, Mvelase, Magutywa, Mgubo odliwa ngabahambi bendlela, Mntungwa ombulazi owadl’umntu emyenga ngeendaba, Nompundwana zincinane yanga zingongiwa linunu entle engadli mntu, Khand’iyeza etyeni, Ngabaphakela umyeni esithebeni kuba besonga amazimba!



🔍 Search here 🔍+ ADD CLAN NAMES🎬 Watch our videos