πŸ’›

izithakazelo

Tag: sidersky Page 27 of 269

Mcube Clan Praises Iziduko zako Mcube

NgumaMcube lo, umbhetya, uhala,usopitjo, ungqolomsila, uvelabembhentsele, uyem-yem, ndizalwa ngumaMpandla, oombona,oduna, ngumzukulwana wamaqwathi, onzila kanzothwana, omnyamana, oontswaybana, nowamaqoco, oozikhali, oojojo, oziyeka ndim ke lowo !

OoZondi,Ziyeka Clan

Ngxabani
Meyiwa,
Rhibela,
Bhabha nomhlehlo,
ooMdatshi,
ooMabodi,
ooMabhengu,
Nontwenja yinkongolo !

Ngendiba ndiza nayo ukuba nam bendiyazi ngoku pheleleyo, ntonje endikwaziyo kuncinane, njengoba nam ndisengu mfana kwaye ndilusana, ntonje olithandayo isiko kwanye nezithethe kwaye ozihloniphileyo nozi xabisileyo ezonto zimbini.

Ndobetha apho ndifikelela khona, apho ndingafikeleli khona ndotsho ndinikezele kozivayo kwaye ekudala eyihamba yena lendlela, kuba nayo nenyathi ibuzwa kwaba phambili. Camagu emzini ka Bawo!

uMyirha ke yena uzalwa ngu Nqabe, aze uNqabe yena azalwe ngu Bhedla, yena uBhedla ezalwa ngu Mpulana impondomise.

uYirha yena uzala uSampu, yena uSampu wazala oonyana babini uMzondi nho Ziyeka, kunye nentombi uNonkwindla lo uzala uGcinumzi wamaGcina.

Ngxabani Clan Praises Ngxabani Meaning & History

Ngxabani
Meyiwa,
Rhibela,
Bhabha nomhlehlo,
ooMdatshi,
ooMabodi,
ooMabhengu,
Nontwenja yinkongolo !

Myirha Mzondi Clan Praises

Myirha,
Mzondi,
Ziyeka,
Sampu,
Xusha,
Khapha,
Zakana,
Thambo lenyoka,
lihlaba elimzondayo,
Hobe elimhlophe elindanda emaweni uNomsiso

Page 27 of 269

Powered by WordPress & Theme by Anders Norén