izithakazelo

Tag: siphoko Page 2 of 20

Msindisi waboni 😍 Msindisi waboni song lyrics

Msindisi waboni hymn  😍 Msindisi waboni  song lyrics 

Msindisi waboni
Ndisondela Kuwe
Msindisi waboni
Ndizilahla Kuwe

Akukho nalinye
Endilithethayo
Akukho nendawo
Ndizincoma ngayo

Ndibethwa lityala
Lindixhalisile
Umnced’andinaye
Oliphelisayo

Ngoku mina Nkosi
Ndililo ijacu
Ndithwele ihlazo
Lokuba ngumoni

Ndingcolile kanye
Emphefumlweni
Ndiyiyo imfama
Eselusizini

Nakuba ke Nkosi
Ndililo idlavu
Ndiyazi ukuba
Akukundigxotha

Ndibamba amadinga
Owabekileyo
Ndigcine amazwi
Owathethileyo

Akutsho na Nkosi
Ukuthi kuboni
Yizani nisindwa
Yizani nithulwe

Ndingomnye ke mina
Okobo bunzima
Ndingomnye ke mina
Osindwa ngumthwalo

Msindisi waboni
Ndisondela Kuwe
Msindisi waboni
Ndiphephela Kuwe

Ndenzelwe inceba hymn song lyrics

Ndenzelwe inceba hymn song lyrics

Ndenzelwe inceba,
Ndophelwe igazi.
Ukho owandifelayo
Endipha ukolo.

Luxolo oluhle
LweNkos’ uYehova,
Yena ohlel’ etroneni,
Ngoku naphakade.

Kungavel’ umoya,
Kubekh’ isaqhwithi,
Kodw’ uthando luka Yesu
Alungephenduki.

Lona uthando lwam
Ngelunokucima,
Kodwa olwaseGolgotha
Luhlala luvutha.

Ngenxa yezi ndawo,
Ndiyakudel’ okwam,
Kodwa ndithemb’ olo yhando
LweNkosi uYesu.

Ngaphesheya song lyrics

Ngaphesheya song lyrics 

Ngom’sa wakh’ omkhulu, uyosiholela
Embuswen’ wezulu, ngaphesheya;
Nom’ indlela yakhe idin’ umntanakhe,
Iy’ ekhaya lakhe, ngaphesheya.

Ngaphesheya, ngaphesheya,
Siyakuphumula, siyakujabula,
Ngaphesheya, ngaphesheya,
Nza sifik’ ezwen ngaohesheya.

Nom’ usiholela nasehlan’ elibi,
Wosiphumisela ngaphesheya.
‘Mlilo ukhanyiya, nefu lisithisa,
Konke kusiyisa ngaphesheya.

‘Nkosi yamakhosi iyosiholela,
Kwelivam’ inyosi, ngaphesheya.
Siyokudl’ emthini, siphuz’ emanzini,
Sohub’ eNkosini, ngaphesheya

Sesithemba, sithi: Uyosiholela,
Size kwelakithi, ngaphesheya;
‘Jesu wosiphula mhla sowel’ umfula,
Khona sizocula, ngaphesheya

Nang’uJesu Kristu song lyrics

Nang’uJesu Kristu song lyrics 

Nang’uJesu Kristu,
uMsindisi wethu,
wehlel’eAlthareni;
asimdumise.

Asikholwe kuye, uliqiniso,
asithembe kuye, nguBaba wethu.

ESakramenteni, uMzimba wakhe,
ukhona sibili. Asemukele.

Uyakhulekela, abantu bonke,
lathi simdumise, insuku zonke.

Wafik’ukuhlala phakathi kwethu,
asisize sonke, siy’ezulwini

Page 2 of 20

Powered by WordPress & Theme by Anders Norén