πŸ’›

izithakazelo

Tag: siphoko Page 6 of 20

Thixo ulilanga lethu song lyrics

Thixo ulilanga lethu song lyrics 

Thixo ulilanga lethu
Uyakhanya phezu kwethu;
Umphefumlo ungabona
Apho uhambela khona

Thixo ulikhaka lethu
Asoyik’ iintshaba zethu;
Zonke ziya songwa nguwe,
Soza ngokonwaba kuwe.

Wosiphatha ngobubele,
Wosunika ubungcwele;
Wopha abakukhonzayo
Okuthamsanqelekayo.

Ithamsanqa elikhulu
ithamsanqa elezulu
Likho kothembayo kuwe;
Ngokuba ethandwa nguwe

Amen

Tukutendereza song lyrics

Tukutendereza song lyrics 

Tukutendereza,Tukutendereza Yesu (We praise you, we praise you Jesus) x2
Siyakudumisa, Siyakudumisa Yesu  (We praise you, we praise you Jesus) – in Zulu
Tukutendereza,Tukutendereza (We praise you, we praise you Jesus) – in Luganda

Jina lako limetukuka juu, juu sana (Your name is praised on high) – in Swahili
Ndio maana ninakuabudu, nikisema tukutendereza (That is why I sing saying β€œpraise you”)
Natotela, Natotela Lesa wandi (I thank my God) – In Bemba
Natotela, Natotela Tata wandi (I thank my Father)
Natotela, natotela (I give thanks, I give thanks)
Tata wandi Nalikutemwa (My Father, I love You)
Lesa wandi Nalikutemwa (My God, I love You)
Natotela, Natotela (I thank You)

(Chorus)

Uwepo wako upo nami baba, hauniachi (Your anointing is with me, it won’t leave me)
Hauniachi, ee baba yangu (It won’t leave my my Father)
Ndo maana ninakuinua, tukutendereza (That is why I lift you up in praise)
Natoteela, lesawandi na likutemwa (?)
natotela, Natoteela, tatawandi na likutemwa (?)

(Chorus)

Ububele bakho song lyrics

Ububele bakho song lyrics 

Ububele bakho;
Bungumangaliso;
Thixo ongunaphakade,
Bungumthombo bona.

2. Bumpompozelela,
Kumachibi onke;
Onke ozaliswa bubo,
Ngal’ ufefe lwakho.

3. Yes’ ufefe lwakho,
Luliculo lami;
Iculo lomphefumlo wam,
Uculayo ngalo.

4. Lona nje ngemitha,
Imitha yelanga;
Ekubaleleni kwalo,
Ngalo ndiyavuswa.

5. Banyulwa be Nkosi,
Khangelani kuyo;
Kuyo Le Nkosi u-Yesu,
Lowo wabingwayo. Amen.

Umalusi nguYehova song lyrics 😍 Umalusi nguYehova hymn lyrics

Umalusi nguYehova song lyrics 😍 Umalusi nguYehova hymn lyrics

Umalusi nguYehova,
Ondigcinileyo,
Ukuswela akubikho Kothembela kuye

Amadlelo aluhlaza,
Ndiya dliswa kuwo,
Ndiya lala ngokonwaba,
Ndingothuswa lutho.

Uya vusa umphefumlo Uya wenz’ uphile,
Ukulunga ndiba nako,
Ngenxa yomAlusi.

Xa ndihamba emnyameni,
Andinakoyika,
Kuba Wena uba nami,
Uya ndonwabisa.

Isithembe ndiba naso Noko ndinentshaba,
Ine-oil’ intloko yam,
Andisweli lutho.
Ukulunga, nezibele,
Ziya ndilandela,
Kusendlwini kaYehova,
Apho ndiphilayo.
Amen

Page 6 of 20

Powered by WordPress & Theme by Anders Norén