Thixo ulilanga lethu song lyrics

Thixo ulilanga lethu song lyrics 

Thixo ulilanga lethu
Uyakhanya phezu kwethu;
Umphefumlo ungabona
Apho uhambela khona

Thixo ulikhaka lethu
Asoyik’ iintshaba zethu;
Zonke ziya songwa nguwe,
Soza ngokonwaba kuwe.

Wosiphatha ngobubele,
Wosunika ubungcwele;
Wopha abakukhonzayo
Okuthamsanqelekayo.

Ithamsanqa elikhulu
ithamsanqa elezulu
Likho kothembayo kuwe;
Ngokuba ethandwa nguwe

Amen


πŸ” SEARCH πŸ”+ ADD CLAN NAMESβ–Ά UTube Channel

Leave a Comment