πŸ’›

izithakazelo

Tag: yasemgungundlovu

Inkinsela yaseMgungundlovu

Inkinsela yaseMgungundlovu iyinoveli yesiZulu yakudala kaSibusiso Nyembezi, eyashicilelwa ngo-1961, ekhuluma ngeqola laseMgungundlovu uNdebenkulu elizama ukuqola abantu basemaphandleni ngezinkomo zabo. Le noveli isebenzisa ukubhuqa ukuze igxeke ukwamukelwa ngokungagxeki kwezimiso zesiNgisi kanye nenkohlakalo yabantu abaphakeme, ikhombisa ukuthi amacebo amaqili abonwa kanjani yisizukulwane esisha, esifundile.

Popular people from Ndlovu last name

July Ndlovu (Mining/Finance)
Zimbabwean-born CEO of Thungela Resources, one of South Africa’s most successful coal producers. Began career as graduate trainee engineer earning R1,500 per month, rose through ranks at Anglo American Platinum. Led Thungela following its demerger from Anglo American in 2021. Under his leadership, company grew from R3 billion market cap to returning R22 billion to shareholders in four years. Earned R59.79 million in 2024. Born to peasant farming parents in rural Zimbabwe, holds degree in metallurgical engineering from University of Zimbabwe. [citation:1]

AmaMpandla Clan

AmaMpandla Clan History

AmaMpandla kukholeleka ukuba sesinye sezizwe eziphuma kumaChwama okanye, ooNoqhakancu ababefumaneka phakathi komlambo iXhorha neKapa.

AmaMpandla ke xa kunamhlanje athe saa kwiindawo ngeendawo kulaa mihlaba yaseTranskei eDutywa nakuCentane. Amanye nangoo phesheya kweNciba kumhlaba owawusakuba yiCiskei.

OoNoqhakancu luhlanga lokuqala kwiintlanga zoMzantsi Afrika ukuhlangana nabeLungu ukugaleleka kwabo kweli ngowe-1652. Imvelaphi yolu hlanga iphandwa iphelele apha eMzantsi Afrika.

Olu hlanga kuthiwa lwahlala phakathi komlambo iNciba kunye neNtaba yeTafile eKapa phambi kokuba abeLungu bafike nemida yemihlaba.

Olu hlanga lwalungabafuyi beenkomo nabalimi bamazimba, lwalungamachule okusila utywala obenziwe ngobusi beenyosi obubizwa ngokuba yiqhilika. Esi sizwe sesinye sezizwe ezazithanda ukutshaya icuba elaziwa ngokuba yintsangu. Ngelo xesha intsangu yayingekaziwa ngokuba sisiyobisi yayisisityalo nje esizikhulela emhlabeni neyeza lesiNtu.

Esi sizwe sesinye sezizwe ezatshatyalaliswa ziimfazwe ezaziphakathi kwaso nabeLungu. Amadoda amaninzi esi sizwe afa ezimfazweni lwaza uninzi lweentokazi lwasala lutshatwa ngabeLungu, ukuze kuvele uhlanga olwaziwa ngokuba ngamaQheya (Coloureds). Enye into eyababulalayo sisifo sengqakaqha esakhe sahlasela abantu besi sizwe.

Ababhali beembali ke bawa ngokuwa bathi olu hlanga ludibene namaDatshi ngowe – 1652 ngethuba lokufika kukaVan Riebeeck eKapa.

Kanti abanye bathi lukhe olu hlanga lwaqatshelwa ngoomaTiloshe babeLungu kwangaphambi konyaka wowe – 1652. Nokuba lwahlangana phi na nabeLungu inyaniso imi ethi olu hlanga lwathi lwashishina namaDatshi lwawathengisela iinkomo zokuxhela. AbeLungu ke babebatshintshela oonoQhakancu ngezacholo zokuhomba kunye neemela.

AmaXhosa aqale ukuhlangana nooNoqhakancu kulaa minyaka imalunga noo-1600 phaya phakathi koMzimkhulu neNciba. Ukuwela kukaRharhabe iNciba ngowe-1750, olu hlanga udibene nalo waza walwa imfazwe eyaba nesatyityi segazi de kwafa nekumkani yabo ooNoqhakancu egama linguHintsathi.

Ekufeni kukaHintsathi imikhosi yamaLawu yasala ilawulwa nguHoho inkosikazi kaHintsathi. Ngenxa yobunzima bomlo uRharhabe wancama amaHlathi akwaHoho wawathenga ngeenkomo ezininzi apha kuHoho.

Babongwa ngolu hlobo aba bantu basemaMpandleni: Mpandla, Ntsheke, Khipha, Mbona, Tyhetha, Ngcukayithobi, Mkhondo, Tshayingwe, Mnqwazemfene, Gqiliqhwa, Sixhwarhu, Nhunhu, Mzi, Tyibashe, Nombamba, Qeqe, Whiwhi, Tyhatyhu, Zungulithanga, Iyavuya indoda enenyheke, Kuba ihleka ngenyama, Iyavuya indoda esisifombo, Kuba inelunda ngokwenkomo, Ihamba inethemba, Kuba ithwele ithanga emqolo, Iyavuya indoda esisiqhwala, Kuba iyajekula xa ihambayo, Umhlaba iwuhlaba ngezilanda, Ithi, zaje ngcu, zaje ngcu, Iyavuya indoda enebhanyanisi, Kuba iza kulichwechwela izulu, Iyavuya indoda enezisini, Kuba iza kubumungunya ubukumkani bezulu, Kutshiwo kumaMpandla ke, xa kwenziwa njalo!

Abafazi basmaMpandleni abambizi umbona, bathi: nguTiya okanye ugastyeketye.

Esi siduko samaMpandla ke sisikhumbula ngenkokheli ye -β€˜Bandla likaKrestu labantu,’ abanye bathi li β€˜Bandla likaTata,’ lowo ke nguBhishophu James Ngcanjeni Limba owaseka eli bandla eBhayi.

Nanamhlanje amaLungu eli bandla amazi okaLimba ngokuba nguMseki.

Kuthiwa lo mfo wasemaMpandleni unguJames Limba ungumseki weli bandla wazalelwa kwilali yaseNgqele eXesi nalapho amabanga akhe aphantsi wawafunda khona. Usebenze kwinkonzo yakwaloliwe, waze wathi elapho waguqukela kwicawa yaseWisile ngowe-1910.

Ngowe-1914 waya kusebenza eKapa apho wahlangana khona nomfo wakwaSigxabhayi owayedume ngokwazi nokushumayela iBhayibhile. Bathe bakuhlangana uBhishophu James Limba waguquka wangena kwibandla lalo mfo elaliselisaziwa ngokuba nguSigxabhayi kuba bathi bakuxoxa ngebhayibhile kwacaca ukuba umfo kaLimba uyoyiswa ngokuyazi ibhayibhile.

Ethubeni bathi baqhekekana uSigxabhayi noLimba waza okaLimba waya kuseka elakhe ibandla.

Eli bandla waliseka eBhayi. Kulapho ke umfo kaLimba wabonakalisa khona ukukhuthala nokwathi kwangumzekelo kubantu abaMnyama nabadume ngobuvila. Yena wakwazi ukuba ngemfundwana yakhe ephantsi ukuvula isikolo sokuncedana nabantwana abasokolayo ukuba bafunde; wakwazi ukuvula isilarha esadala amathuba engqesho; wakwazi ukuqesha iifama zamaBhulu apho wathi wafuya, walima, wathengisa iinkuni enceda nabantu abalambayo abazimpulazikalujaca. Abantu abangenamakhaya babehlala kwizakhiwo zeli Bandla likaKrestu laBantu lalisekwe nguBhishophu James Ngcanjeni Limba.

Obu buthandazwe bakhe benza ukuba ade anikwe isikhahlelo esithi, β€˜A! Ngangegunya’ esinikwa yiMbongi yeSizwe Jikelele uS.E.K. Mqhayi, yaza yathi yakuba imnike eso sikhahlelo yada yambonga.

Powered by WordPress & Theme by Anders Norén