Mpandla, Ntsheke, Khipha, Mbona, Tyhetha, Ngcukayithobi, Mkhondo, Tshayingwe, Mnqwazemfene, Gqiliqhwa, Sixhwarhu, Nhunhu, Mzi, Tyibashe, Nombamba, Qeqe, Whiwhi, Tyhatyhu, Zungulithanga, Iyavuya indoda enenyheke, Kuba ihleka ngenyama, Iyavuya indoda esisifombo, Kuba inelunda ngokwenkomo, Ihamba inethemba, Kuba ithwele ithanga emqolo, Iyavuya indoda esisiqhwala, Kuba iyajekula xa ihambayo, Umhlaba iwuhlaba ngezilanda, Ithi, zaje ngcu, zaje ngcu, Iyavuya indoda enebhanyanisi, Kuba iza kulichwechwela izulu, Iyavuya indoda enezisini, Kuba iza kubumungunya ubukumkani bezulu, Kutshiwo kumaMpandla ke, xa kwenziwa njalo!