clan names 💙 clan history 💯

izithakazelo

AmaBhele Clan Names

Dlambulo, Khuboni, Qunta, Mafu, Langa, Mnomana, Mbutho, Ncwana, noNtanda kuphakanyiswa, Ulanga lokulunga, Umbutho, noMbikazi ngob’umnt’ogxathu akalahlwa,  umafuza afulele njengelifu, Ndabezitha, uNtshangase, Madiba-ndlela. Iinto ezidiba de zidibe nendlela, Unontanda Usengel’abantwana xa likhithika, unosepha ayigijimi iyakhokhoba ukubhek’ eluqala, undamane, amyengane, amayekethe, Undlwana zinamaphela phez’ukwentab kalenge, othebul’ukunatha nje ngabendl’enkulu Umakhunga, unkilane, umabandla, uvaphi, Iintw’ezimpundu zinga zingongiwa, Amatya egoduka khon’ukuze angathinjwa lithambo lasemzin, nditsh’abaty’isikhwebu sakwamkhwekazi, kwaNoqambulo, Iintw’ezingawutyiyo umbilini wempahla, ezity’owenyamakazi yon’ihlal’emahlathini; Iinyath’ezasind’abazingeli sebezosele, Ingab’asilobhele elo, ngoba ibhele laphekwa nelitye lenyengane, lavuthwa ilitye, lasala ibhele lihleli, amaBhele izinto eziqhwanyaza ngemali. Zibunywana zibutshelezana zinga zingazingangiwa ngabakhwekazi, Bhedlana lase Lenge, amaBhele asicoco sinuka intsindwana amakrokrozela njengelifu lemvula, Mphemba abantu Bephemba ngamabele kanti abafokazana baphemba ngamaphepha, Silo sase Lenge ngwane yezixhobo zothukela, umthan’ ontyingantyingana omi phezu kwentaba, Inyathi eyasinda abazingeli sebeyosele izinto ezingawudliyo umbilini wenkomo,zidla owenyamakazi

Previous

AmaNjilo Clan

Next

AmaHlubi

1 Comment

  1. mathato lefoka

    Who was Khubone?

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

Powered by WordPress & Theme by Anders Norén

error: