Tolo, Nongwandla, Mchenge, MaBhanekazi,
Ngwenyankomo, Dlangamandla, Zulu,
Masali, Mfingo, Amajubantlantsi, Vumba lempongo liyanuka,
Nozinja ziyakhonkotha kuba zithi: Hawu! Hawu! Hawu! Xa zibon’ umnt’ ozayo,

Nozinja ziyaqhingana kanti zenz’ umntwana, Umlamb’ awuwelwa uwelwa ziinkonjane kuphela zona zimaphiko made,
Nkomo zikaGaxaza,
Oonkuni azothiwa kuba zithezwe yinkosazana,
Bona babasa amadaka eenkomo zabo, Izinto ezifuye inkomo zafuya negusha nehashe !!

πŸ” Search here πŸ”+ ADD CLAN NAMES🎬 Watch our videos