Ntlotshane,
Mhlophe,
Jali,
Ntlumbe,
Ndobo,
Mjelo,
Mbhoyi,
Nombanjana,
Ndobe ndikubusele,
Mthemb’obhuzubhuzu osindileyo ezintwaleni!

Imbali nengcambu yamaNtlotshane ayikasicaceli ncam.
Kukho ababhali abathi ingcambu yamaNtlotshane ikumaZotsho, kwaye bangena ngaphantsi kwesizwe sabaThembu kumaxesha akudala kakhulu, kodwa abanye bafumaneka
phaya eKZN, ukanti abanye bangena kumaMpondo. Oka-Makuliwe uthi isinyanya esidala samaNtlotshane esikhunjulwayo ngu-Huhuhu nokuthiwa wazala u-Henge ozala
u-Sabela ozala u-Ntramonde kundlunkulu, ibenguNtsethe ekunene. AmaHlotshana namaMpemvu kuthiwa aphuma kulendlu ka-Ntsethe. U-Ntsethe wazala u-Mthwana ozala u-Macekwana ozala u-Njilo kundlunkulu, ekunene ibe ngu-Hlotshana, kwiqadi ibengu-Nyiki.

Abanye ke ababalisi bathi uNtlotshane wayengunyana ka-Dunakazi wasekunene. Bathi u-Dunakazi wazala u-Ceduma kundlunkulu, yangu-Ntlotshane ekunene, kwiqadi yangu-Ndlane.
Asazi ke uba sise eyiphi Komkhulu.

source: XhosaCulture – please visit this page and see other comments and learn more about the clan.


More information is available on our YouTube channel