πŸ’›

izithakazelo

Tag: magqekeni

Magqekeni Sithole History // Umlando

UMagqekeni ungomunye wabantu abawunothisa kakhulu umlando wabakwaSithole . Le nsizwa yabe iyisethenjwa nesilomo esikhulu seSilo saseMhlahlandlela iSilo uMzilikazi kaMashobana ,yayibuye ibe yinduna yomuzi waseGabeni owawakhe eTswenyane , eNorth West lapho kwake kwazinza khona iNkanyamba yaseNdinaneni (iSilo uMzilikazi) ngaphambi kokuba ifudukele lapho sekuseZimbabwe khona ngeszathu sokumiswa kabi ngamabhunu kaHendric Potigietier (uPoti).

Uyise kaMagqekeni uMagogo wasala empini yaseNtumbane nokuyimpi eyabe iphakathi kweLembe neNkanyamba . Kanti naye uMagqekeni wayekhona kuleyo mpi ,bobabili balwa ngasohlangothini lweNkanyamba . Kwahamba kwahamba igama likaMagqekeni laguquka kancane laba uMaqhekeni ngenxa yokuhluleka kwabantu abangabaTswana ukubiza kahle igama likaMagqekeni . Kwathi ngenkathi iNkanyamba ihlasela enye yezinduna zeLembe uNyokana kaMpeyana nguMaqhekeni owagwaza wabulala uNyokana .


Ngenxa yobuqhawe bakhe uMaqhekeni iNkanyamba yamnika igunya noma ngithi yamgunyaza ukuba abuthe amabutho . Lokho wakwenza ebambisene nezinye izinsizwa esingabala kuzo uLotshe kaHlabangana Mtshali , uMbambelele kaHlabangana Mtshali nezinye . Ibutho lokuqala alibutha owalibiza ngokuthi “Ibutho laMagogo” , waliqamba ngoyise uMagogo owasala eNtumbane . Indlela uMaqhekeni ayebutha ngayo amabutho wayethatha wonke amabhungu ayethunjwa kwezinye izizwe bese ewafundisa indlela yokulwa ngeklwa nangesihlangu .
Lensizwa yakwaSithole kuthiwa yayibuye ibe nesiphiwo sokuboniswa ,ingakho yayikhonzwe kakhulu yiNkanyamba . Yayikwazi ubona into eseza ekudeni.

Izibongo zikaMaqhekeni Sithole
UMgabhi weGaba
Isikhukhulane sikaJobe
Esikhukhule abezindlu nabezindlwana
Sithole seGaba
Esibiza amaqhawe asebele
Sixoshe amavaka abaleke
Ngwazi emandlamakhulu
Eyala ukubheka emuva
Selusinda uhambo
UMathob’inkosi ithobeke
UMathulis’inkosi ithule
Sigqila nganhloko sikaMthwakazi
Sigilamkhuba kwelenkangala
Umsindo wezwakala eMahalihali
Wezwiwa ngoMthithika
Njob’enhle yenkosi
Eyavunulwa nguMzilikazi
Wachithachitha izizwe
Indlukula kaNyokana yemuka namanzi
Omigwalo yamaBula yasuduka
Gagane olumeva kawephuki
Olubiyela iNkosi
Ludle izinkomo,ludle amadoda !
USojama ngezihlangu emangweni
Abafo bahlehle nyovane
Mudli wezinkomo ezinenkelenkele
Owathi esadla ezinye wadla ezinye
Wee! Thole elimnyama njengezulu
Elikhwaza noma kusebusika
Nkonjane emnyama yeGaba
Ebhula amaphiko ezizibeni
Nasekhalweni lwaseMpama
Ezingazini ezaveza amaqhawe
Zashwabadela uDingane
Mafuzafuza kufulelwe
Kwethuleke iziyoco zabafo
Dondolo lweNkosi!
Oluqhube inkos neqambi lenkomo
Godogodo lukaMthwakazi
Alushi ngokubaselwa
Alupheli ngokubandwa
Nempehla ziluphehlile
Zabuyela nyobane ziwaza
Sithole esimnyama
Wena omadolo makhulu
Edlula awendlovu
Ngokuguqa okhalweni lwamaqhawe
Ngwazi yaseGabeni
Edla emahlathini amnyama
Lapho kudla khona imihlambi yezingonyama
Nsiba zengungumbane
Ezihlaba zisalele
Amanxeba kawapholi
Zicibe uMahambayedwa eMpameni
Bombo lwezintaba ezinde
Bazame ukuzikhuphuka behluleka
Nasebusuku bazamile
Kwasa bezinkubela
Bayethe nkalo kazifinyelelwa
Bayethe zulu elimnyama
Elithwala lishwabadele amahlathi
Lidle konke okungaphili
Bayethe mhlane obanzi
Obelethe ibhidi elimnyama ngomlomo
Wavundla nalo amahlathi anezilo
Awaze walibeka phansi
Bayethe isijula sikaMthwakazi
Esiphanga izinkomo
Sidle amadoda
UMthwakazi wadlondlobala
Waba maphiko abanzi
Akhotha izilwandle
Ulibinda Jobe!
Iqhawe aliqedwa

Popular people from Sithole last name

Samuel Sithole (Finance/Investment)
CEO of Value Capital Partners. Chartered accountant (CA(SA), ACA, CA(Z)). Former Executive Director of Brait SE (2008-2016) serving as Financial Director and later Executive Director: Capital and Treasury. Previously partner at Deloitte for six years as audit partner and Group Leader for Financial Services Audit practice in Johannesburg. Board member at Tiger Brands Limited, Adcorp Holdings Limited, Metair Investments Limited, and Chairperson of Sun International Limited. Born 12 February 1973. Holds BAcc (Hons).

AmaMpandla Clan

AmaMpandla Clan History

AmaMpandla kukholeleka ukuba sesinye sezizwe eziphuma kumaChwama okanye, ooNoqhakancu ababefumaneka phakathi komlambo iXhorha neKapa.

AmaMpandla ke xa kunamhlanje athe saa kwiindawo ngeendawo kulaa mihlaba yaseTranskei eDutywa nakuCentane. Amanye nangoo phesheya kweNciba kumhlaba owawusakuba yiCiskei.

OoNoqhakancu luhlanga lokuqala kwiintlanga zoMzantsi Afrika ukuhlangana nabeLungu ukugaleleka kwabo kweli ngowe-1652. Imvelaphi yolu hlanga iphandwa iphelele apha eMzantsi Afrika.

Olu hlanga kuthiwa lwahlala phakathi komlambo iNciba kunye neNtaba yeTafile eKapa phambi kokuba abeLungu bafike nemida yemihlaba.

Olu hlanga lwalungabafuyi beenkomo nabalimi bamazimba, lwalungamachule okusila utywala obenziwe ngobusi beenyosi obubizwa ngokuba yiqhilika. Esi sizwe sesinye sezizwe ezazithanda ukutshaya icuba elaziwa ngokuba yintsangu. Ngelo xesha intsangu yayingekaziwa ngokuba sisiyobisi yayisisityalo nje esizikhulela emhlabeni neyeza lesiNtu.

Esi sizwe sesinye sezizwe ezatshatyalaliswa ziimfazwe ezaziphakathi kwaso nabeLungu. Amadoda amaninzi esi sizwe afa ezimfazweni lwaza uninzi lweentokazi lwasala lutshatwa ngabeLungu, ukuze kuvele uhlanga olwaziwa ngokuba ngamaQheya (Coloureds). Enye into eyababulalayo sisifo sengqakaqha esakhe sahlasela abantu besi sizwe.

Ababhali beembali ke bawa ngokuwa bathi olu hlanga ludibene namaDatshi ngowe – 1652 ngethuba lokufika kukaVan Riebeeck eKapa.

Kanti abanye bathi lukhe olu hlanga lwaqatshelwa ngoomaTiloshe babeLungu kwangaphambi konyaka wowe – 1652. Nokuba lwahlangana phi na nabeLungu inyaniso imi ethi olu hlanga lwathi lwashishina namaDatshi lwawathengisela iinkomo zokuxhela. AbeLungu ke babebatshintshela oonoQhakancu ngezacholo zokuhomba kunye neemela.

AmaXhosa aqale ukuhlangana nooNoqhakancu kulaa minyaka imalunga noo-1600 phaya phakathi koMzimkhulu neNciba. Ukuwela kukaRharhabe iNciba ngowe-1750, olu hlanga udibene nalo waza walwa imfazwe eyaba nesatyityi segazi de kwafa nekumkani yabo ooNoqhakancu egama linguHintsathi.

Ekufeni kukaHintsathi imikhosi yamaLawu yasala ilawulwa nguHoho inkosikazi kaHintsathi. Ngenxa yobunzima bomlo uRharhabe wancama amaHlathi akwaHoho wawathenga ngeenkomo ezininzi apha kuHoho.

Babongwa ngolu hlobo aba bantu basemaMpandleni: Mpandla, Ntsheke, Khipha, Mbona, Tyhetha, Ngcukayithobi, Mkhondo, Tshayingwe, Mnqwazemfene, Gqiliqhwa, Sixhwarhu, Nhunhu, Mzi, Tyibashe, Nombamba, Qeqe, Whiwhi, Tyhatyhu, Zungulithanga, Iyavuya indoda enenyheke, Kuba ihleka ngenyama, Iyavuya indoda esisifombo, Kuba inelunda ngokwenkomo, Ihamba inethemba, Kuba ithwele ithanga emqolo, Iyavuya indoda esisiqhwala, Kuba iyajekula xa ihambayo, Umhlaba iwuhlaba ngezilanda, Ithi, zaje ngcu, zaje ngcu, Iyavuya indoda enebhanyanisi, Kuba iza kulichwechwela izulu, Iyavuya indoda enezisini, Kuba iza kubumungunya ubukumkani bezulu, Kutshiwo kumaMpandla ke, xa kwenziwa njalo!

Abafazi basmaMpandleni abambizi umbona, bathi: nguTiya okanye ugastyeketye.

Esi siduko samaMpandla ke sisikhumbula ngenkokheli ye -β€˜Bandla likaKrestu labantu,’ abanye bathi li β€˜Bandla likaTata,’ lowo ke nguBhishophu James Ngcanjeni Limba owaseka eli bandla eBhayi.

Nanamhlanje amaLungu eli bandla amazi okaLimba ngokuba nguMseki.

Kuthiwa lo mfo wasemaMpandleni unguJames Limba ungumseki weli bandla wazalelwa kwilali yaseNgqele eXesi nalapho amabanga akhe aphantsi wawafunda khona. Usebenze kwinkonzo yakwaloliwe, waze wathi elapho waguqukela kwicawa yaseWisile ngowe-1910.

Ngowe-1914 waya kusebenza eKapa apho wahlangana khona nomfo wakwaSigxabhayi owayedume ngokwazi nokushumayela iBhayibhile. Bathe bakuhlangana uBhishophu James Limba waguquka wangena kwibandla lalo mfo elaliselisaziwa ngokuba nguSigxabhayi kuba bathi bakuxoxa ngebhayibhile kwacaca ukuba umfo kaLimba uyoyiswa ngokuyazi ibhayibhile.

Ethubeni bathi baqhekekana uSigxabhayi noLimba waza okaLimba waya kuseka elakhe ibandla.

Eli bandla waliseka eBhayi. Kulapho ke umfo kaLimba wabonakalisa khona ukukhuthala nokwathi kwangumzekelo kubantu abaMnyama nabadume ngobuvila. Yena wakwazi ukuba ngemfundwana yakhe ephantsi ukuvula isikolo sokuncedana nabantwana abasokolayo ukuba bafunde; wakwazi ukuvula isilarha esadala amathuba engqesho; wakwazi ukuqesha iifama zamaBhulu apho wathi wafuya, walima, wathengisa iinkuni enceda nabantu abalambayo abazimpulazikalujaca. Abantu abangenamakhaya babehlala kwizakhiwo zeli Bandla likaKrestu laBantu lalisekwe nguBhishophu James Ngcanjeni Limba.

Obu buthandazwe bakhe benza ukuba ade anikwe isikhahlelo esithi, β€˜A! Ngangegunya’ esinikwa yiMbongi yeSizwe Jikelele uS.E.K. Mqhayi, yaza yathi yakuba imnike eso sikhahlelo yada yambonga.

Powered by WordPress & Theme by Anders Norén