Wakrazulwa ngenxa yami lyrics 😍 Wakrazulwa ngenxa yami song

Wakrazulwa ngenxa yami,
Liwa laphakade!
Kuze ndizifihle kuWe,
Nxeba lika Yesu!

Yeyani na le mikrozo,
Kwelo cala lakho?
Yeyegazi, yeyamanzi,
Ma ndihlanjululwe.

Linyembezi zeminyaka,
Azingeze nto;
NguWe, nkosi, osusayo
Zonk’ izoono Zomntu.

Andinanto esandleni,
Ndize kanye, nkosi!
Se ndondele ekrusini,
Ekubethelweni.

Wakrazulwa ngenxa yami,
LiWa laphakade!
Kuze ndizifihle kuwe,
Nxeba likaa yeso!