Mtolo Clan Names

Mtolo Tolo, Nongwadla, Mchenge, Bhanekazi, Ngwenyankomo, Dlangamandla, Zulu, Masali, Mfingo, Amajubantlantsi, Vumba lempongo liyanuka, Nozinja ziyakhonkotha, Kuba zithi : “Hawi! Hawu! Hawu! Xa zibon’umnt’ozayo, Nozinja ziyafulathelana, Kanti zenz’umntwana, Umlamb’ awuwelwa, Uwelwa ziinkonjane kuphela, Zona zimaphiko made, Nkomo zikaGaxaza! Oonkuni azothiwa, kuba zithezwe yinkosazana, Bona babasa amadaka eenkomo zabo, Izinto ezifuye inkomo