clan names 💙 clan history 💯

izithakazelo

Category: Izithakazelo Page 1 of 341

Mabhena Mrhawu

Thath ’ikomo nasi kaMrhawu
Sigwegwe sakoBingweni
Ngathana sikhibe ngeselithi
Sasizakuzama ukweluleka
Yasinda ngoba yaba sigwegwe selitje

Licici elimlombomvu bubende
Babantu nobenyamazana
Liqili lakoMaguguba
Inyoni yakoSibila uMagubaguba

Yathetha ubuthi yathetha ubulokotho
Bathi nguMrhawu wanda wazihlolela
Wavun’ abantu njengamabele
Wadl’ abantu njengenyamazana

Banamala nababuya eSimkhulu/eMlokotho
Bathi umhlanga utjhe ngayizolo
Kanti umhlanga sigugumba
Somlambo uzele.

Mbuduma!!!

amaVundle

By Mpumelelo T.A. Makuliwe

Aba bantu bangamaVundla bakhona nakubeSuthu kuthiwa ngooMofokeng. Imbali yomnombo nomlibo wabaFokeng ekuthiwa amaVundla aphuma kuwo uhamba uthi: Aba bantu baphuma kubaTaung bazalwa ngumzukulwana kaMotebele esingalazanga igama lakhe. Le ndlu ivele ngolu hlobo: uMorolong wazala uNoto waza uNoto wazala uMorara; uMorara kwindlu yakhe yokuqala wazala uMabi, waza kwindlu yesibini wazala uMasilo I. AbaTaung ke bazalwa kule ndlu yesibini kaMasilo I.

UMasilo I wazala uMalope; uMalope ke yena wazala uMohurutse, kunye noKwena, noMkhatla. AbaTaung ke bona baphuma kule ndlu kaMohurutse unyana omkhulu kaMalope I. UMohurutse wazala uMotebele ononyana esingalaziyo igama lakhe kunye nesizukulwana esinye naso esingalaziyo igama laso.

Lo mzukulwana kaMotebele wazala uLezani, yena owazala uGitjie kwindlu yokuqala noTlopo kwindlu yesibini. UGitje noTlopo bavelise izizukulwana ezibini ekuthiwa ngabaFokeng. Nantsi inzala kaGitje, wazala uSegungela; uSegungela wazala uMzale; uMzale wazala uJembe; uJembe wazala uGuanca; uGuanca wazala uBhayi; uBhayi wazala uNgopheni; uNgopheni wazala uNgobozi; uNgobozi wazala uTjale; uTjale wazala uStockoe; uStockoe wazala uVova; uVova wazala uMama. UTlopo yena nantsi inzala yakhe, wazala uMare; uMare wazala uNtsikoe; uNtsikoe wazala uSefiri; uSefiri wazala uKata; uKata wazala uMolise; uMolise wazala uNtahle; uNtahle wazala uSeephephe; uSeephephe wazala uMatete; uMatete wazala uSetha; uSetha wazala uBernard ophile kulaa minyaka yowe-1866.

Aba bantu kuthiwa ngabeSuthu bakaMfukweni kodwa bathi bakwaywa ngabeSuthu bagxothwa baya kuwa kubaThembu, isizathu kungokuba inkosi yaba bantu yathi yazeka umThwakazi. Ngeso sizathu loo nto ayizange yamkelwe baze bagxothwa baya kungena kubaThembu. Abantwana baloo nkosi baphosaniswa nokulawula ngenxa yolu gxotho. Izilwanyana zamavundla ngumvundla nokhetshe. Kaloku kubeSuthu abantu besiduko ngasinye banesilwanyana okanye nantoni na esendalweni ababizwa ngayo.

Aba bantu baphuma eLusuthu abanye bathabathe la mihlaba: eyaseKomani, eyaseNgqamakhwe nooTsomo neDutywa. Abanye baya kuwa eNgcobo emaQwathini. Abanye nabo eMount Frere. Aba bantu banezindlu ngezindlu.

UNgculu, S.P. ubhala athi kwinqaku lo ‘Umthunywa’ lenyanga ka-Epreli ngowe-1961. “AmaVundle ayekhe ehla ngapha eLusuthu eza ngasemaXhoseni nasebaThenjini aya kumisa ngaseMthatha. Ingcwaba likaMkhupheni likwezoNtaba zoMbholompo. Kanti ke amanye amadoda obukhosi aphindela kwaseLesotho eMjanyana eQuthing, apho akhona ngoku. Ngesithuba awayelapha eMthatha kwehla intlekele yeMfazwe phakathi kwendlu enkulu kaVundle nokunene uNcilashe owaziwa nangokuba nguMvulane. Umlo wabo wenza ukuba baqhekekane kubekho amaVundle namaMvulane.”

UNgculu uphinde ahambise athi kwakweli phephandaba ‘Umthunywa’: “UVundle uzele uBhayi inkulu, kunye noMvulane noMkhumbeni noMngqosini kwindlu enkulu, ibe nguJileka ekunene. KuBhayi ke kuphuma uSiqungele, ozala uSazana ozala uMacodoma ozala uMsali ozala uZembe.

Kwakhona kukhona amasebe apha, kuba uZembe uzele uGwaca inkulu, noJalamba noMlu noNgcwele noNdwele; nakuGwaca kukho amasebe, kuba uzala uKhetshe wakuloFola noNtlangaza, noNgonyama. UKhetshe uzala uMadiba, ozala uMtsokoba ozala uMkhupheni ozala uGobozi, ozala uTyhali inkulu, noMatyobeni, noNkosana, noSomxu, noSidlayiya. Eqadini nguMvulane. UTyhali ke yena uzele uStokhwe, ozele uVova, ozele uMama kwindlu enkulu.

UJackson, A.O. ubukhosi bamaVundle ubulanda ngolu hlobo: “UVundle uzala uSenzani; uSenzani uzala uMacodoma; uMacodoma uzala uMsali; uMsali uzala uGwaca; uGwaca uzala uKhetshe; uKhetshe uzala uMkhupheni; uMkhupheni uzala uNtsokoba; uNtsokoba uzala uGobhoza; uGobhoza uzala oonyana abathathu: UTyhali, uBhebheza, uMatyobeni.UTyhali uzala uSitokhwe; uSitokhwe uzala uVova (aba bantu bafumaneka eLusuthu). UBhebheza uzala uMavela; uMavela uzala uNtontolo; uNtontolo azale uSithubeni; uSithubeni azale uBhazabhaza (BaseHeshele). UMatyobeni uzala uKhala; uKhala uzala uZwelibanzi; uZwelibanzi uzala uSidumo (bakuQumbu).” Xa ke besiqhuba uphando sifumene ezinye zezindlu zamaVundle ezezi zilandelayo: AmaLowe; AmaNyosi; AmaKhumbeni; OomKhupheni; AmaNgculu; OoMqhwa; AmaNgqosini (nawo ayenye yezindlu zamaVundle ngokwemveli); OoKayise; AmaVundle akwaHegu; AmaVundle akwaSokhulu; AmaVundle akwaGqojana; AmaVundle akwaBhebheza; AmaVundle akwaMatyobeni, AmaVundle akwaKhetshe, AmaVundle akwaMona, AmaVundle akwaMacodoma, AmaVundle akwaDenge, AmaVundle akwaKrwebeda, namanye.

Onke la maVundle angentla xa ebongwa kuthiwa: Singamabandla kaVundle, kaMsuthu, kaYebusi, kaMaboro, kaSuthu, kaMfukweni, kaBhayi, kaSiqungele, kaSezana, kaMsali, kaMacodoma, kaMadiba, Nto zikaGobhozi, Bhayi kaKhetshe kaGwaca, kaMlu, kaFola wakuloKhetshe, kaZembe lokugawula ubulawu bokuhlamba amaVundle, elingenakuphathwa ngumfazi onechanti, kuba uya kushwabana, Ngabakwatsili leenyosi elingenakuphakulwa ngamadoda athakathayo, Amadoda aneemfene nomamlambo, Kuba zakuwasuzel’iinyosi, Ade asuzelwe nangamagumasholo zona nyosi zingenalwamvila, Amabandla enyoka enkulu emnyama yomthombo womlambo omkhulu, Umlambo omkhulu ongawelwayo iGqili, Owelwa sithi maVundle, Siwele sinqumle umsinga sisinge eCamsholo, Kwihlathi elinameva amhlophe, Ihlathi elingangenwa ngamagqwirha, Kanti nezithunzela ziyaloyika, Gobhozi,

Inkosi esiyifumeneyo yamaVundle nguMhlekazi uPresly M. Bebeza owayeyinkosi yamaVundle. Wayongamele inqila eshwankathela uBhebheza, iTele engezantsi, iTele engentla neRooiwal.

Vidima Clans Name

Vidima,
Shozi,
Gabhisa,
Funeka,
Mvemnyama,
Wena ka Makhongolo,
Ndimande,
Khothane !!

Izithakazelo zakwa Sambane 😍 Sambane Clan Names

Sambane sika Mtshokotsho esiwumba singawulali ulalwe zizi zwana ugida ngebamba abanye begida ngeztshingana uNonduku ayikhethi nakumkhwenyana I Vundle lihle !

AmaNjuza Clan 😍 Iziduko: Njuza

uNJUZA! nomaKhala! ooJola! impondomise ngohlanga, sthukuthezi, sithandwa mhla kukubi, mfaz’ obele ‘nye omabele made, oncancisa naphesheya komlambo!

Izithakazelo zakwa Siluma

Shodo
Ndimande
amacekwa amahle Shiyabantu njengenyamazane.

amaNguni Thonga amathefuya enyakatho mpumalanga okwelika Zulu endaweni umhlabuyalingana lapho ekudabuka khona uSiluma wonkana.

ngokudingiswa

Okwelika Zulu
Thikazi: siluma ndlundlu mambakazi wena owashiyabantu bekubuka izinyawo.

Okwelama swati
Nina enahla udzadze wenu natdzi akamehlo umhlehlo sibhabhakati.

Okwelika Mzilikazi
Omagwazekhuphule kucitheke amasende ndoda.

OkwelamaNdebele
Mthombeni owalala wavuka uthombile.

Okwelika Xhosa
amazawezawe.

Izithakazelo Zakwa Sibindi

Sibindi Clan Names :

ESibindi, eGodonga eMsundulomunye, Bengwani, Mtungwa weZembe
Mbuduma kaMasoka kaManala, Wen’ owasok’ Amadod’ elibele ethi awuyikusoka, Kant’ usoke ngokampeyana.
Ncagu ncagu ngokomzimba Kant’ uDumo lwakhe lukhulu,
Luzwakel’ eNyakatho
Luzwakel’ eNingizimu
Luzwakel’ eMpumalanga
Luzwakel’ eNtshonalanga !

Wen’ owagqagqel’ umuzi weNkosi ngotsheko,
Wen’ owangen’ esizibeni nesikhuni sivutha
Waphinde waphuma naso silokhu sivutha
Mthunzi waMakhosi,
Wen’ owacashisa okaMashobana, mzukwana ebalekeluShaka
Kant’ uzokhel’ amalahl’ ekhanda

Nkunz’emanxeba nxeba
Eyagwaza zonk’ kodwa ayaze yaphec’intamo
Mathunda kuzalw’ amaduna
Ezinye zithund’ kuzalw’ ezinsikazi !

Zinyane lemvubu elahlonitshwa yiNgwenya
Laye layovumbuluka kwaMthwakazi
Kodwa eNdubazi naseMgidla beliphika
Bethi laloba, ladliwa yingwenya yakwaMatshobana
Kanti lisawadla amabele !

Ndlondlobala Mdlodlom’ omnyama wakwaMnyamana
Nethezeka nsika yendlu yakwaNdebele
Nab’ ugabh’ amathaf’ oGwembe noNgulukudela

Godonga, Sibindi sikaMdali, Msundulomunye, Bengwani, Mntungwa, Manala kaMusi !!!

Ngomane Clan Names

Ngomane
Ndimande
Nsimu,
Ms*nu omude,
Wena owalima Indima wayishiya basala beyilima bodwa !!

Siluma Clan Names

Izithakazelo zakwa Siluma:

Shodo
Ndimande
Amacekwa amahle Shiyabantu njengenyamazane nibahle nezinyawo zenu nina enahla umkadade wabo wathi akanamehlo akananyongo umhlehlo isibhabhakazane O’mahlome endlini wathi akezokuya emashodweni ngoba akashayi kayabulala amazawezawe amhlophe Omagwaze’khuphule kucitheke amas*nde ndoda omabulal’ehleke.

Ncane/Ncani Clan Names 😍 Meaming

The real surname of Ncane is Ncani with “i” not “e” but mistakes were made at home Affairs we ended up having different surname in one family and it continued until today i still insist if I’m telling someone my surname “with i at the end”

Ncani
Dunywa
Nontshuntsha
Msuthu
Ntamonde
Send* limqoshe elahlula amadoda ukulikhwishilila !

Page 1 of 341

Powered by WordPress & Theme by Anders Norén

error: