clan names ๐Ÿ’™ clan history ๐Ÿ’ฏ

izithakazelo

AMANTLANE HISTORY

AMANTLANE HISTORY Amantlane athe bhazalala kulo lonke eliloMzantsi Afrika naphesheya kolwandle esuka emampondweni ngokuzalwa. Ukufika kwamabhulu nokugxuphuleka kwawo kulawulo lweNkosi neziKumkani ze umhlaba weenkosi wasikwa ngokwee dolophi iLusikisiki, Flagstaff neNtabankulu ngowamaNtlane umhlaba.

Imilambo emithathu iNxuze, uMzintlava, noMzimvubu yiyo eyahlula umhlaba wamaNtlane ngokwezi dolopi zintatu

IZIDUKO ZAMANTLANE ZEZI la amantlane angundlunkulu awo onke amantlane uValela noGcuda afumaneka emantlaneni eLusikisiki, eMcelu, eMneketshe, Bizana, Flagstaff, Nyokweni kuNtabankulu nase Bomvini kuNtabankulu xa bebonga kutiwa ooNtlane, uSukude (Mkodwana), Mthwa ka Sihula ozala uSantsabe, uVambane, uMahlahla, uGxara, Mwowo, uBhengu, uMalitshe, uSiyoyo, uMjusana, uGxididi, uGcegce, uMadikizela, uTshengu, uMalebomvu, uDedela, uNqabaneamantlane akwa Qiba – izibaya zika qibe, zika ntlane, zika sukude mkondwana, zika santsabe, zika mthwa zika sihula, zika sitho, zika mpofu, izibaya zika malitshe, zika siyoyo, zika bhengu, zika gxarha, omthi ogawulwe wayekwa pesheya komlambo kuba udinga abathezi benkuni.amantlane akwa Nodwengu – la amantlane afumaneka emampondweni Ntlane, Sukude, Mkodwane, Gxarha elipezulu, nodwengu, sikhalaze, mathe, nxuvathe, njeya, lugongqo.

Amantlane akwaNamba – la amantlane apha kwaBhaca kuNtabankulu bangamampondo ngemveli namantlane okwenyani. lingwevu ziphata ilivo loba kwathi kuhlinzwe inkomo xa kusabiwa inyama ngezithebe ze abantu babelwa isithebe sabo enyameni zebayoyityela pantsi komthi kutiwa bathi besatya njalo kwawa inyoka iNamba apha emthini ba baleka bashiya inyama leyo kuthiwa ukususela ngalo mini azikheta lamantlane esithi akafunwa yaye akamkelekanga yaye lenamba leyo iwileyo ibiyinto yangabomi nebihleliyo. ukususela ngoko lamantlane abizwa ngoba ngamantlane akwa Namba. kuyasolakala ukuba uninzi lwamntlane ahamba nama bhaca nge xhesha lemfazwe yama bhaca kuba efumaneka kakulu kumhlaba wama bhaca naku ntabankulu.

Previous

Izithakazelo Zakwa Sibindi

Next

Boloshe ยฎ clan names. Izithakazelo zakwa Boloshe ๐Ÿ˜ Boloshe Origin. Boloshe History

3 Comments

  1. Mna ndingu Mqhwane Tsweletswele u tswele tswele u tswele lesilungu u hanyanisi u Masilela eguduka u Sgcumo sembo sika Machikiza. Umbokodo’ ebovu egayi’cumza u somphelephele u Moya weliwa u Mbabala kamfuthukazi. What is Imiqwane?

  2. Chumile Ntobe

    Mna ndiyazalwa ngaMaNtlane ndingu Ntlane Sukude Mkhondwana Santsaba uMthi kaSihula

    • Turiya Magadlela

      My surname is magadlela but I grew up being called intlanekazi or intlane elihleโ€ฆ who am I?

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

Powered by WordPress & Theme by Anders Norén

error: