Iziduko zakwa Jola 😍 Jola clan 😍 Jola Praises
Jola !
Mphankomo,
Jolinkomo,
Phahlo,
Qengeba,
Mthwakazi,
Sabe,
Ndleb’endlovu,
Mzi welanga.
Somarhwarhwa,
Ngwanya,
Somadolo,
Zwelibanzi,
Marholisa,
Nomakhala,
Njuza,
Sthukuthezi,
sithandwa mhla kukubi,
hoshode,
hakaha,
mfaz’ obele ‘nye omabele made,
oncancisa naphesheya komlambo.
Yeyesa,
Chirwa,
Lembethe,
Mgema,
Mfaz’obelelide,
Gcuma,
Ndzabela,
Thole lenkwakha,
Isibhekubhu esibhebhesha sakulo Yokazi.
EsiMpondo zisibhebhelele Ngubholokodl’uphila kuzenzela Mayaba,
Ngubo ayinxitywa,
Mbarha,
Bhukhana,
Hobo,
Zwelibanzi,
Zanemvula,
Vambane,
Ithole lomthwakazi,
Mqeke,
Thayithayi kade bemthibela,
Mpumlo engqongqosholo njengengulube,
Ubholokodlela kuphila kuzenzela !
IBhubesi LikaGushabantwana Tomose
Nina matholendin’ anyongande kukudlelana, ndibamba ngazibini mzi kaJola, ukudliwa kombona kuchubelana!
Villa Amie Minnie
Thanks
varthiswa
ndicela ukubuza u jola wase eastern cape uyahambelana no jola wakwa zulu natal