Iziduko zakwa Jola 😍 Jola clan 😍 Jola Praises
Jola !
Mphankomo,
Jolinkomo,
Phahlo,
Qengeba,
Mthwakazi,
Sabe,
Ndleb’endlovu,
Mzi welanga.
Somarhwarhwa,
Ngwanya,
Somadolo,
Zwelibanzi,
Marholisa,
Nomakhala,
Njuza,
Sthukuthezi,
sithandwa mhla kukubi,
hoshode,
hakaha,
mfaz’ obele ‘nye omabele made,
oncancisa naphesheya komlambo.
Yeyesa,
Chirwa,
Lembethe,
Mgema,
Mfaz’obelelide,
Gcuma,
Ndzabela,
Thole lenkwakha,
Isibhekubhu esibhebhesha sakulo Yokazi.
EsiMpondo zisibhebhelele Ngubholokodl’uphila kuzenzela Mayaba,
Ngubo ayinxitywa,
Mbarha,
Bhukhana,
Hobo,
Zwelibanzi,
Zanemvula,
Vambane,
Ithole lomthwakazi,
Mqeke,
Thayithayi kade bemthibela,
Mpumlo engqongqosholo njengengulube,
Ubholokodlela kuphila kuzenzela !
Simthembile polisa
Ndicela ukubuza amncuse ngamani ifani ngu polisa
Phumlile
Ndicela buza kuba ooCesane khwange ndabazana ba related nha ko Jola kuba uyaya umajola nyoka ekhaya qho xakukho into okanye kuzobakhona into uyabonakala.
Sithule
Yes oCesana ba related kwa Jola, as oJola sithi xa sizinqula, oCesi, ononqayana.. etc
Vuyelwa
Cela ubuza ukuba uLokothwayo udibana njani noJola? Mna mhakhulu wam wayenguLokothwayo kuthi bangooJola cela ngcaciso