πŸ’›

izithakazelo

Ama-Qwathi, Meaning, Origin & Family History | Umlando

Mqwathi
Bangula, Dumba, Mhotho, Cakeni, Bhabha, Sxolothi, Sximba, Bhaxane, Nzothwa, Qhinebe, Qolo, Zikhali, Jojo, Tiyeka, Butsolo beentonga, Qoma, Siqo, Nyoyela/NgogelaAMAQWATHI

β€”β€”β€”β€”β€”β€”β€”

Ah! Nkomo zikaXesibe,

zikaJojo,

zikaMtshutshumbe, ogqaz’ indlel’

ebhek’ ebuNguni.

UbuQwathi ayisiso isiduko. Koko bubuhlanga nesizwe esavela ku

Mtshutshumbe ozalwa nguMthetho ka Hlabe ka Nondzaba

wamaXesibe. UMtshutshube uthe emva kokuba olukule, wasokwa

nguyise umthetho ngenkomo. Mtshutshube lowo wayithiya igama

elinguQwathi loonkomo.

Emva kweminyaka embalwa, uMtshutshube waphuma kumaXesibe

wayokuzimela emQanduli kwiminyaka yoo 1660. Isizwe sakhe

wasithiya ngalankomo nyokuqala asokwe ngayo nguyise uMthetho,

ozalwa ngu Hlabe, ozalwa ngu Nondzaba. Wathi ngamaQwathi.

Kwiminyaka yoo1680 amaQwathi ayephantsi kokumkani uDlomo

afudukela eNgcobo, apho ikomkhulu lamaQwathi likhoyo ngoku.

Abazala bamaQwathi ngama Mpondo, Mpondomise namaXesibe.

AmaQwathi akamaninzanga kodwa aziwa uMzantsi wonke

nganamandla, ukukhohlakala nokungakathandi kuphathwa,

isikakhulu ngabacinezeli.

AmaQwathi aneziduko ezininzi. Nazi ezinye zazo:

*AmaDikela, Noni, Ntswayibane

*AmaTshaba

*OoSdindi

*AmaBangula, Dumba, Mhotho, Cakeni, Bhabha

*OoBhulangwe

*OoBhose

*OoNzolo

*OoNcayi

*OoNtondo

*AmaKhombayo

*OoMkhondweni

*AmaVumbe

*AmaKhebesi, Nomdayi

*AmaMvala,

*AmaDabisa

*OoS’ximba baka Sixolithi

Nezinye. AmaQwathi angakwazi ukungenana andiselane ukuba

iziduko azifani. Umzekelo: UmQwathi uDikela angendela

kumQwathi uSidindi. Njalo njalo.

Ezona nkosi zamaQwathi zaziwayo ngu Stokwe ka-Ndlela

owayesilwa nabelungu,

UDalasile kaFubu, noFubu ubuqu (owalwa waze wabulala

uRharhabe nonyana wakhe uMlawu ngo 1782 bekhusela ikomkhulu

iNgcobo.

Unkosi Fubu nonyana wakhe uDalasile baphinda banqanda amanzi

engena endlini bezokuvingcelwa ngumkhosi ka Madzikane inkosi

yamaBhaca ngo1824. MaBhaca lawo ayebaleka umkhosi ka Tshaka

la Senzangakhona ka Zulu.

Baphinda bohlula baze babulala unkosi Matiwane wamaNgwane

ayebaleka imfecane eleqwa ngu Tshaka ngo 1828. AmaNgwane ade

abaleka ayokufika kwilizwe ekuthiwa yi Tanzania namhlanje. Lawo

athi asala ngemva aatshatyalaliswa aphela tu nguTshaka ka

Senzangakhona ka Zulu nomkhosi wakhe.

Kwiminyaka yoo 1860 amaQwathi nama Mpondomise aadibanisa

umkhosi eseka ukuhlasela abelungu. Hlaselo olo alwahamba

ngohlelo ngenxa yemipu yabelungu. Kodwa kwafumaneka umfundisi

womlungu ofani ingu Hope we mission ekufutshane wabulawa.

Abelungu bafunga besithi bazakwenza umzekelo ngokubulala

wonke umntu ongumQwathi noliMpondomise. Baza phantsi ko

General Elliott (okuthiywe ngaye la dolophana i Elliott) babula

phantse batshabalalisa wonke amaMpondomise. Kodwa zona

iinkosi zawo amaMpondomise zaatshatyalaliswa zaphela apho.

Kungoku nje amaMpondomise akana zinkosi. Ahamba ezoyamanisa

neenkosi zezinye izizwe.

AmaQwathi axhathisa wona, kodwa nzima. Isizwe sathi saa

sileqwa ngemipu ka General Elliott nomkhosi wakhe. Amanye

amaQwathi abaleka ayonxusa kumaTlokwa (isiduko sabeSuthu)

kwindawo eyi Tlokweng (Mount Fletcher). Kuqikelelwa ke ukuba

laaphuma apho igama elithi Dikela. Ngoba ngokwemveli

lelesiSuthu. Lithetha ukuthi β€œTshona”.

Amanye anyuka aya emsini kuTshaka, owayeguba kwasizwe sifuna

ukuziphatha, azibiza ukuba angoo Ndlela (ngenkosi uNdlela).

Avuma ukuba angamaZulu phantsi ko Tshaka.

AmaQwathi sisizwe esincinci kodwa esingazange sohlulwa kude

kubelapha phantsi kwenkosi uZwelakhe.Ama-Qwathi atholakala eMpumakoloni bakhuluma ulimi lwesi Xhosa. Izibongo zabo aziphelelanga lapha ngoba banokuthi basebenzise igama likakhokho njengesibongo. Uma ufuna ukuqonda umuntu wakhona ukuthi ungubani ngqo buza isiduko sakhe.

Previous

Khambule, Khoza, Sibiya, Jali

Next

Mbatha, Dladla, Mbeje Praisenames

6 Comments

  1. Eliphas Kapoko

    Molweni mam ndiyabilisa ndingu Mqwathi eRustenburg ndifuna aMaqwathi oKepu or Khepu abazali bebebuya Esiwulu you

  2. Nonkululeko Mogotsi

    I need to know the Tantsi clan names

  3. Masi

    Amaqwathi akazange abaleke Engcobo koko anda adlulela ezintabeni eCala , Ladyfrere, Takastaad, ect.

    • Solomzi

      Camagu ndisecala mna kodwa utata yena uphuma engcobo

  4. Amanzolo ngo nzila ka ndzothwane
    Sithike

    Umqwathi umnzolo unzila ka ndzothwane iinkonjan’ezimnyama ezidada emafini zicande iziziba zibuye nodaka ukhasa ukhasela ngase mntwini umadli nkowane ngenkani angayihlanzi ungamniki noba seyifuna u’Nomatyala uma’Lawana into zika’Mnyamana into zika’Mtshutshumbe….etc
    Ndiphel’apho nam

  5. vuyolwethu mose

    Ndingu vuyo Mose
    Ndicelwa ukucaciselwa ngoMqwati Oontondo

Leave a Reply to Mtshotana Zukisani Cancel reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

Powered by WordPress & Theme by Anders Norén