πŸ’›

izithakazelo

Tag: jili

Jili clan names // AbakwaJili

izithakazelo zakwa Jili:

Jili,
Vilakazi,
Mphephethe,
Magqagqangane,
Masengwa, wena owasenga inkomo ilele Kuba xa imile iyakhaba,
Intombi engendelanga kwaJili iyozala ikhova ne mpanga,
Binda,
Singawoti !!

Popular people from Jili last name

Dr Jili Chung (ι˜εŸΊη«‹) (Legal/Finance/Technology)
MIT Sloan Fellow, attorney-at-law (California and China), and patent agent. Former Executive Director at Goldman Sachs and senior lawyer at Clifford Chance. Served as General Counsel for a leading company in Apple’s supply chain. Expert in IP-leveraged innovation and author of “IP Monetization in China.” Holds JD from UCLA, PhD from Peking University, MBA from National Taiwan University, and MS in Management of Technology from MIT. Founder of SpringIP Group. [citation:9]

Jili Clan Names & Family History | Umlando

Jili Clan Names, Meaning & History.
Izithakazelo zakwa Jili. Jili Surname. Sereto sa Jili.

Iziduko zako Jili.Jili‘s surname info is currently not listed.

If you know its Meaning, Clans or History, please add it by making a comment below.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

Popular people from Jili last name

Dr Jili Chung (ι˜εŸΊη«‹) (Legal/Finance/Technology)
MIT Sloan Fellow, attorney-at-law (California and China), and patent agent. Former Executive Director at Goldman Sachs and senior lawyer at Clifford Chance. Served as General Counsel for a leading company in Apple’s supply chain. Expert in IP-leveraged innovation and author of “IP Monetization in China.” Holds JD from UCLA, PhD from Peking University, MBA from National Taiwan University, and MS in Management of Technology from MIT. Founder of SpringIP Group. [citation:9]

Ama-Qwathi, Meaning, Origin & Family History | Umlando

Mqwathi
Bangula, Dumba, Mhotho, Cakeni, Bhabha, Sxolothi, Sximba, Bhaxane, Nzothwa, Qhinebe, Qolo, Zikhali, Jojo, Tiyeka, Butsolo beentonga, Qoma, Siqo, Nyoyela/NgogelaAMAQWATHI

β€”β€”β€”β€”β€”β€”β€”

Ah! Nkomo zikaXesibe,

zikaJojo,

zikaMtshutshumbe, ogqaz’ indlel’

ebhek’ ebuNguni.

UbuQwathi ayisiso isiduko. Koko bubuhlanga nesizwe esavela ku

Mtshutshumbe ozalwa nguMthetho ka Hlabe ka Nondzaba

wamaXesibe. UMtshutshube uthe emva kokuba olukule, wasokwa

nguyise umthetho ngenkomo. Mtshutshube lowo wayithiya igama

elinguQwathi loonkomo.

Emva kweminyaka embalwa, uMtshutshube waphuma kumaXesibe

wayokuzimela emQanduli kwiminyaka yoo 1660. Isizwe sakhe

wasithiya ngalankomo nyokuqala asokwe ngayo nguyise uMthetho,

ozalwa ngu Hlabe, ozalwa ngu Nondzaba. Wathi ngamaQwathi.

Kwiminyaka yoo1680 amaQwathi ayephantsi kokumkani uDlomo

afudukela eNgcobo, apho ikomkhulu lamaQwathi likhoyo ngoku.

Abazala bamaQwathi ngama Mpondo, Mpondomise namaXesibe.

AmaQwathi akamaninzanga kodwa aziwa uMzantsi wonke

nganamandla, ukukhohlakala nokungakathandi kuphathwa,

isikakhulu ngabacinezeli.

AmaQwathi aneziduko ezininzi. Nazi ezinye zazo:

*AmaDikela, Noni, Ntswayibane

*AmaTshaba

*OoSdindi

*AmaBangula, Dumba, Mhotho, Cakeni, Bhabha

*OoBhulangwe

*OoBhose

*OoNzolo

*OoNcayi

*OoNtondo

*AmaKhombayo

*OoMkhondweni

*AmaVumbe

*AmaKhebesi, Nomdayi

*AmaMvala,

*AmaDabisa

*OoS’ximba baka Sixolithi

Nezinye. AmaQwathi angakwazi ukungenana andiselane ukuba

iziduko azifani. Umzekelo: UmQwathi uDikela angendela

kumQwathi uSidindi. Njalo njalo.

Ezona nkosi zamaQwathi zaziwayo ngu Stokwe ka-Ndlela

owayesilwa nabelungu,

UDalasile kaFubu, noFubu ubuqu (owalwa waze wabulala

uRharhabe nonyana wakhe uMlawu ngo 1782 bekhusela ikomkhulu

iNgcobo.

Unkosi Fubu nonyana wakhe uDalasile baphinda banqanda amanzi

engena endlini bezokuvingcelwa ngumkhosi ka Madzikane inkosi

yamaBhaca ngo1824. MaBhaca lawo ayebaleka umkhosi ka Tshaka

la Senzangakhona ka Zulu.

Baphinda bohlula baze babulala unkosi Matiwane wamaNgwane

ayebaleka imfecane eleqwa ngu Tshaka ngo 1828. AmaNgwane ade

abaleka ayokufika kwilizwe ekuthiwa yi Tanzania namhlanje. Lawo

athi asala ngemva aatshatyalaliswa aphela tu nguTshaka ka

Senzangakhona ka Zulu nomkhosi wakhe.

Kwiminyaka yoo 1860 amaQwathi nama Mpondomise aadibanisa

umkhosi eseka ukuhlasela abelungu. Hlaselo olo alwahamba

ngohlelo ngenxa yemipu yabelungu. Kodwa kwafumaneka umfundisi

womlungu ofani ingu Hope we mission ekufutshane wabulawa.

Abelungu bafunga besithi bazakwenza umzekelo ngokubulala

wonke umntu ongumQwathi noliMpondomise. Baza phantsi ko

General Elliott (okuthiywe ngaye la dolophana i Elliott) babula

phantse batshabalalisa wonke amaMpondomise. Kodwa zona

iinkosi zawo amaMpondomise zaatshatyalaliswa zaphela apho.

Kungoku nje amaMpondomise akana zinkosi. Ahamba ezoyamanisa

neenkosi zezinye izizwe.

AmaQwathi axhathisa wona, kodwa nzima. Isizwe sathi saa

sileqwa ngemipu ka General Elliott nomkhosi wakhe. Amanye

amaQwathi abaleka ayonxusa kumaTlokwa (isiduko sabeSuthu)

kwindawo eyi Tlokweng (Mount Fletcher). Kuqikelelwa ke ukuba

laaphuma apho igama elithi Dikela. Ngoba ngokwemveli

lelesiSuthu. Lithetha ukuthi β€œTshona”.

Amanye anyuka aya emsini kuTshaka, owayeguba kwasizwe sifuna

ukuziphatha, azibiza ukuba angoo Ndlela (ngenkosi uNdlela).

Avuma ukuba angamaZulu phantsi ko Tshaka.

AmaQwathi sisizwe esincinci kodwa esingazange sohlulwa kude

kubelapha phantsi kwenkosi uZwelakhe.Ama-Qwathi atholakala eMpumakoloni bakhuluma ulimi lwesi Xhosa. Izibongo zabo aziphelelanga lapha ngoba banokuthi basebenzise igama likakhokho njengesibongo. Uma ufuna ukuqonda umuntu wakhona ukuthi ungubani ngqo buza isiduko sakhe.

Powered by WordPress & Theme by Anders Norén