AmaNxotwe Clan❤️

Nxotwe-Gqagqa kaGqikazi, Gabazi, Qamkazi, Jali, Madidiya, Phungane, Zaphe, Njilwane, Maphemba ngamaphepha amalahle ekhona, Mafuza afulele njengelifu lemvula, Malangana, Sikhomo, Mathumb’amhlophe. AmaNxotwe sisiduko phantsi kwesizwe samaMpondomise. UNxotwe uzalwa noNgcitshana kumfazi wasekunene kaNgcwina. UNgcwina eyinto kaNtose kaMalangana kaNjanya kaSkhomo kaNdunu kaMpondomise!!

AmaNqana Clan❤️

Nqana Mdanda Nakise Nomakhungelo Mvece Zozi Dlala alidliwa lidliwa ngabalaziyo Ngqwala kaNgqokazi Ntsika zimnyama Sihlobo sikaMona Malandul’eyiphethe Sicamba esihle sicamba sokwandlalela abatshakazi, Mpondomise!!! AmaNqana sisiduko phantsi kwesizwe samaMpondomse. UNqana ngunyana kaNgqukatha. UNgqukatha yena uzalwa noDosini noGcaga kwindlu enkulu kaNgcwina. UNgcwina eyinto kaNtose kaMalangana kaNjanya kaSkhomo kaNdunu kaMpondomise!!

AmaNgcinase❤️ (amaQadi)

Mqadi-Ngcinase kaNgcwina, Wungushe, Qhushwana, Mbaba, Deku, Gongqa, Mbinyashe, Doloshe, Ntiniswa, Malal’eqhingeni avuke necebo, Ngxowa zimdaka, Maphila kuzenzela, Mqadi owavela kuqala ilanga lingekaphumi ekhatshwa yinkwenkwezi emhlophe netshoba layo isuka empuma langa isiya entshona langa, Mpondomise. AmaQadi esona siduko sawo ngamaNgcinase. UNgcinase uthiywe ngegama lalendlu aphuma kuyo indlu yeqadi. Qadi likaNgcwina. AmaQadi

Izithakazelo zakwa Ncala❤️Ncala Clan Names

Izithakazelo zakwa Ncala 😍 Ncala Clan Names Ncala Maphanga Mntungwa Mantungwa amahle Mantungwa ekhethelo Nina abase Nkoneni Nina enibhince ihuse lomsingizana Nina abeNjiki esechibini Ne lehleko layo bayibona ngamanzi okudungeka Ngisho nina enihlaza njengetshe lasemanzini. ngoba lona libushelelezi Nina enabethela ngesende lendoda entabeni, yingakho niyizinkanyamba Amantungwa akhishwa emgodini ngeqatha lenyama!!