Gophan ka Dise, kuthula kwamanzi ngubo yengwenya ayambatwathwa nanguXam ntonje iyawatyeshela
Jwara Ntika Mazaleni Jotela, mntegqwithiza njengesaqwithi, val’mehlo waphandlwa. Ntingani, nteth’apheli iphela ngengxwabangxwaba nay’inqandwa ngexebeta kanyoko
Vatala eluhlaza ngaphandle kodwa ivithwe bhutyu ngaphakathi
Amant’abahle noba bepheth’izikhali
Mnangwe mbelu ndondela
Khaphel’inkom’endle ngoba umgqub’uyanda
Mcoci owaphekwa sisimo sikanina ngoba engana ntombi ngoba zavela kulityelwe !