Want a t-shirt or hoodie with your clans? click here to see pictures

What is the relationship between the AmaKwayi and the Tshawe clans?

Amakwayi,yindlu kaGando,uPhalo walala nentombi wayenza nzima kwavela uRharhabe,yasikwa indlu ka Gando bawela umlambo iNciba kwathiwa ngamaKwayi bakwaywe kwaGcaleka,kodwa xa bezithutha bayazikhankanya isiduko zamaTshawe

AmaKwayi ayefudula ingamaTshawe. Aphuma ngexesha lokulawula kuka Gando indlu enkulu ingekabinanyana. Kwazalwa uTshiwo, athi amaphakathi umfana maka thabathe ubukhosi bakhe phofu esemncinane. Kwathi xa kusabiwa isifuba (uvalo sisabelo senkosi) kwaqala umlo yaqhekeka phakathi eka Gando neka Tshiwo. Woyiswa uGando wawezwa iNxuba. Yathi impi ka Tshiwo, ” wagwazeni la Makwayi”. Kumhla achithakala amabandla ka Gando, batsho bombathwa ligama lobu-Kwayi. 

Article by Lubabalo & Victor


More information is available on our YouTube channel