Tag: Bhele
OoBhele
ooKhuboni
ooLanga !
BHELE, VAPHI, NONTHANBA DIBANDLELA, AMABHELE OLANGA NDABEZITHA !
Dlambulo, Khuboni, Qunta, Mafu, Langa, Mnomana, Mbutho, Ncwana, noNtanda kuphakanyiswa, Ulanga lokulunga, Umbutho, noMbikazi ngobâumntâogxathu akalahlwa, umafuza afulele njengelifu, Ndabezitha, uNtshangase, Madiba-ndlela. Iinto ezidiba de zidibe nendlela, Unontanda Usengelâabantwana xa likhithika, unosepha ayigijimi iyakhokhoba ukubhekâ eluqala, undamane, amyengane, amayekethe, Undlwana zinamaphela phezâukwentab kalenge, othebulâukunatha nje ngabendlâenkulu Umakhunga, unkilane, umabandla, uvaphi, Iintwâezimpundu zinga zingongiwa, Amatya egoduka khonâukuze angathinjwa lithambo lasemzin, nditshâabatyâisikhwebu sakwamkhwekazi, kwaNoqambulo, Iintwâezingawutyiyo umbilini wempahla, ezityâowenyamakazi yonâihlalâemahlathini; Iinyathâezasindâabazingeli sebezosele, Ingabâasilobhele elo, ngoba ibhele laphekwa nelitye lenyengane, lavuthwa ilitye, lasala ibhele lihleli, amaBhele izinto eziqhwanyaza ngemali. Zibunywana zibutshelezana zinga zingazingangiwa ngabakhwekazi, Bhedlana lase Lenge, amaBhele asicoco sinuka intsindwana amakrokrozela njengelifu lemvula, Mphemba abantu Bephemba ngamabele kanti abafokazana baphemba ngamaphepha, Silo sase Lenge ngwane yezixhobo zothukela, umthanâ ontyingantyingana omi phezu kwentaba, Inyathi eyasinda abazingeli sebeyosele izinto ezingawudliyo umbilini wenkomo,zidla owenyamakazi