clan names 💛 clan history 💯

izithakazelo

Tag: Gcaga

Ama-Gcaga

Ama-Gcaga Clan:

Madluba
Gqokashe
Mpondomise
ULubhelu wena
Manz’andonga
Ndongane
Khela
Ndzwan’enkulu
Mbangulana
Dlambula
Ngqambela
Nguta
Yongose
Sebenzebedela
Sel’esadungeni
Ganagusha
Wena uMhele-hele okomoya weliwa
Khohlw’iinto ezimbi
Mthand’uhamba njengeLanga
Mlambo omanz’alubhelu ongawelwayo owelwa ngamaMpondomise
Vumba lesihogo
Sizuku-zuku somfazi obele lide phesheya komlambo!!

uGcaga ngunyana kaNgcwina kwindlu enkulu ebuKumkanini bamaMpondomise. UNgcwina ke kulendlu inkulu uzele uDosini uNgqukatha(Nqana) noGcaga.
AmaGcaga aphuma kuTsolo athi saaa lonke eliphondo leMpuma Kapa.

Gcaga Clan Names Izithakazelo Gcaga

Gcaga Clan
Gqokashe,
Madluba !
Lubhelu olu Manz’ eNdonga,
Khela,
Mfaz’ obele linye elanyelis’ iwaka labantwana phesheya komfula,
Sihlobo sika-Tshotsho,
Ndzwane !!

Ama-Gcaga

AmaGcaga- ngooNdonga ziLubhelu, ooManz’andonga, Ndongane, Madluba, Gqokashe, Mpondomise, Khela kaNzwane, Nzwanenkulu, Mbangulana, Dlambulo, Ganagusha wena uMhele-hele okomoya weliwa, Khohlw’into ezimbi, Mathandwa ehamba njengeLanga lona lingatshoyo ukuba belitshonile ngezolo, Mfazi obele linye owenyisela iwaka labantwana phesheya komlanjana. UGcaga liphelo likaNgcwini kwindlu enkulu ngentombi uMaNgutyana waseMaMpondweni. UNkosi uNgcwini waye wazala uDosini esalekelwa nguNgqukatha( amaNqana ) kugqibele uGcaga. Lonto ithethe okokuba uDosini uNqana noGcaga ngumzi omnye, kodwa sele babaziziduko ezizimeleyo nezikwaziyo ukwendiselana kwaye azidibenanga tuu noMajola. Kwezinye ke izindlu zikaNgcwini kuphume uBhukhwana inkulu, uNxotwe noZumbe ekunene, uNgcinase noNgcitshane, kubekho noCirha oliThole loMthwakazi eqadini likandlunkulu. . Camagu.

Powered by WordPress & Theme by Anders Norén

error: