clan names ๐Ÿ’› clan history ๐Ÿ’ฏ

izithakazelo

AmaKhonjwayo tribe

AmaKhonjwayoย 
Isizwe noMnombo (Tribe Genealogy):
Sizakuwubeka ngokokuzalwa kwabo, sithatha nje iintloko zabo:

uChithwayo uzala uKhonjwayo, uKhonjwayo azale uKhiwa, uKhiwa uzele amawele elokuqala nguNgcekula elesibini nguNtsikinyane kundlunkulu wakhe (Great house) uKhiwa ezele uNdanya ekunene, (amaNdanya akhokelwa nguNkosi uVelile Mkono)waza kwiQadi wazala uTshizi,

indlu kaTshizi ikhokelwa nguSiqukwana.(Inkosi eyayiphethe ngexesha lakudala ihlonitshiwe nguNgcekula)uNgcekula (iwele lokuqala) uzele uNdzondela, uNdzondela wazala uHlaka, uHlaka wazala uNgetu, uNgetu wazala uPhoswa, uPhoswa wazala uSilwanyana, uSilwanyana wazala uMakalanyana, uMakalanyana wazala uSikhehlana,

uSikhehlana yena uzala uTatana. Ngoku singena kwinzala yewele lesibini. UNtsikinyane iwele lesibini uzele uMakhanda, uMakhanda wazala uNogemane kwiGreat House, kwiRight house wazala uThungana.

Masiqale kwindlu enkulu, uNogemane uzele uGwadiso (Dumile), uGwadiso wazala uGodloza, uGodloza yena wazala uNtenteni, uNtenteni wazala uGobizithwana (uZwelidumile) waza ke yena uGobizithwana wazala uDumisani inkosi enkulu ephethe isizwe samaKhonjwayo ngoku.

Kanti ke uThungana yena wobunene buka Makhanda uzele uSithelo, uSithelo wazala uPhonyela, uPhonyela wazala uMakhizinyani, uMakhizinyani yena wazala uHlathikhulu, uHlathikhulu yena uzala uThulani.

Previous

Izithakazelo zakwa Shabane Clan Names

Next

Oyiya Surname ๐Ÿ˜ Oyiya Clan

2 Comments

  1. Siviwe Gwadiso

    Good day.

    Please advise on whom to contact to correct some misleading information stated here.

    Regards

    • Kk Mgxekwana

      Khonjwayo give us the right one we want to know asazinto sinomdla wokwazi

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

Powered by WordPress & Theme by Anders Norén

error: