Mjengu,
Soshenge,
Bhengabhunge,
Nongqasha kaNoyekwa,
NGWINYA !
Category: Izithakazelo Page 23 of 412
AmaCwerha clan names & History
OoGxarha,
OoMbonisa,
OoPotwane,
OoNgumbane,
OoBatsha, (Likhayakhulu Eli lakwaMarotya).
KwaMarotya singooFingxo,
OoKilima,
OoNgculane,
OoLego,
OoHoho,
OoNgane,
Camagu!!!
uDlamini ayisosiduko qha kodwa sisizwe kuba zinintsi izindlu eziphuma kulomzi mkhulu kaDlamini. Ithi imbali ebhaliwezo nebaliswayo uNdlovu nguyise kaDlamini. UNdlovu lo naye unezindlu ezinintsi eg Malunga, Mntungwa, Gengesi, Gasela nezinye ke. Ke ngoko abalahlekanga abantu bakwa Ndlovu xa bezibiza ngoDlamini kuba bayazalana.
by Somlibo
What is the relationship between the AmaKwayi and the Tshawe clans?
Amakwayi,yindlu kaGando,uPhalo walala nentombi wayenza nzima kwavela uRharhabe,yasikwa indlu ka Gando bawela umlambo iNciba kwathiwa ngamaKwayi bakwaywe kwaGcaleka,kodwa xa bezithutha bayazikhankanya isiduko zamaTshawe
AmaKwayi ayefudula ingamaTshawe. Aphuma ngexesha lokulawula kuka Gando indlu enkulu ingekabinanyana. Kwazalwa uTshiwo, athi amaphakathi umfana maka thabathe ubukhosi bakhe phofu esemncinane. Kwathi xa kusabiwa isifuba (uvalo sisabelo senkosi) kwaqala umlo yaqhekeka phakathi eka Gando neka Tshiwo. Woyiswa uGando wawezwa iNxuba. Yathi impi ka Tshiwo, โ wagwazeni la Makwayiโ. Kumhla achithakala amabandla ka Gando, batsho bombathwa ligama lobu-Kwayi.
Article by Lubabalo & Victor
amaNdlane, ngooTutuse, Nomdimba, Ntlokwana ibanzana, Sopitsho, Ngqolomsila, Dlomo, Dlange, Nkonjanedlalโemafini. Sewubona ke nawe uba ngabaThembu ke aba !
Omunye ubhali kanje:
Mna Namhla ndinguMdlane, uTutuse, uNomdimba, uNtlokwanโ ibanzana. Kuthiwa singabaThembu, ngoko ke awuzilahli xa ukwafakela uHala, Sopitsho, Ngqolomsila, uVela bembentsele, uYem-yem.
AmaZongozi, oMadla, oNinwayo, oMthathi awubaswa ubaswa ngabawaziyo, oSenzela, oWantu, oTana, Abatyityimbisi bomnqayi bengatyityimbiseli mntu, oMbunga, oMbhebe, oMantywil’esizibeni babuye nentlabathi, oMbunga, oGoshani ! ndithi molweni ntozakuthi niyathandwa ndim nonke mbambozone zehlabathi makubechosi kubehele kushenxe ubumnyama kuvele ukukhanya kuni! โค๏ธ
Nonyane clans & History
Nonyane, Tau, Sebata sa Mariri Shibane, Shibane a Malele Shibane ya Matlabishe Lebalela la mmala wa phaga ya Moenyane. Re batho ba sekurukuru, sekurukuru se tsebeng. Re batho ba motlhwa golle dipalelo gwa sheiwa sehokolo. Ke Nonyana e kgolo Serufse maila go shupiwa Ke ba batho ba Sekurukuru se tsebeng. Skhine! Age! Shibane! Age! Tau! Age!