Iziduko
AmaXhosa – Omthonyama
- AmaTshawe â Mdange, Tshiwo, Nkosi Yamntu, Ngcwangu
- AmaKhwemte â Dabane, Gqabaza, Sgadi, Mekhi, Ntswentswe, Fulashe, Nojaholo, Ncibane, Qhanqolo, Ntlokwenyathi, Ngququ, venge.
- AmaNkabane â  Majeke, Mayeye, Mthiwembotyi, Noqazo, Ndluntsha, Ntleki
- AmaJwarha â Mtika, Mazaleni, Jotela, Khatiti, Mnangwe, Mayarha, Mbelu, Ndabase, Bantwâabahle noba baphethâ izikhali,
- AmaKwayi â  Ngconde, Togu, Ubulawi, Ngcondâoneentshaba
- AmaCirha â ooNcibane, Khawuta, Nojaholo, Mhlantla, Nyembezana, Mhlathendlovu, uDlakalashe, Ntswentswe, Qhanqolo, Ntlokwenyani, Sihlobo SikaPhalo, Hlomlâiphuthi lidala linempondo, MGcaleka
- Krila â Mbamba, Thangana, Bodlinja, Mbamba, Krila, Rhaso, Mbombo, Gcaleka, Nkomo zibomvu namatholâazo, Nqele, Bhurhu, Mayisithe, Nomazele,  Gobingca, bhukuxa umthondo uwujongise emntwini
- Qocwa â Zikhali Mazembe, Jojo, Tiyeka, Butsolo Beentonga, Mbizana, Mabombo
- ama Mpandla â Mbona, Khawuta, Tshayingwe, Tiye, Khiphe, Mandlana, Tukude, Tyede. amaMpandla asuka kuCentane, akhona nase Xesi, eDikeni, eBhofolo, eDutywa, Cofimvaba naku Gatyane.
- Mtakwenda â Leta, Libele, Tyebelendle, Ngcwadi, Kwangeshe, Mentuko, Mboyi, Solizembe
- Mboyi â Maleta, Khwangeshe, Mboyi, Swelezembe, Mentuka, Ndesane, Ngwayibanjwa
- Thangana â Krila, Mtengwana, Rhaso, Mâbamba, Bodlinja, Gobingca
- Nzotho â ooNyelenzi, ooMaphango, ooMagatyana, ooGxugxa, oo Nabelemntwini, ooWele
- Tyani â Mdumo, Noqobo, Manci, Gabela, Nontshatsha, amaZotsho amahle nenkomo zawo
AbaThembu
- Madiba â Dlomo, Madiba, Yem-Yem, Vela bambhentsele, Sophitsho, Ngqolomsila, Tubhana, Qhumpase, Ntande, MThembu, Ncikoza, Mtshikilana, Malangana, Bhomoyi.
- AmaNtande â Dlomo, Sopitsho, Ngqolomsila, Zondwa ziintshaba
- mQithi â Ndinga, Nkomo ayizali izala ngokuzaliswa, uRhadu, uNomsobodwana, uSopitsho uNgqolomsila uYemyem uVela bembhentsele, Zondwa, MThembu)
- Ndungwana â u Bhejula uDiya uMaqathâ alukhuni, uVelabembhentsele, uHala, ooNtsundu, Bhomoyi Zondwa zintshaba zingazumenzanto, ooSophitsho, Yem-Yem, uMThembukazi
- amaNgxongo â ooNtsundu, bhomoyi zondwa zintshaba, osophitsho.
- AmaGcina â Xhamela, Helushe, Ncancashe, Magwebulikhula, Malambedlile, Nokwindla, Thyopho ka Phato owathyaphakela eXonxa , Gabulâ ikhula, Malambâayendle atyâ igusha athi zizâ duli zethafa, Nxego, Butsolo beentonga, Dlelanga, Ntlonipho (Bahamba bephethâisali â ihashe bakulifumanâemlungwini, izinto zabantu abazibi koko bayazigcini, bathi iigusha ziziduli zentaba)
- Qhudeni â UMthembu, uThukela, uQhudeni, uMkhubukeni, uGoza, uMpafane, uMthembu obhuzuzu, odla amathibane az âindlala iwile.
- Maya â oMaya, oYem Yem oSophitsho, oMagwa, oNgqolomsila, oBhomoyi
- Mpangela -Mvinjwa, Rhoshana, Ndlazi, Dlomo, Sibetho, Magwala, Gwadzi elisilika bubuhle.
- Mpemvu â Jali, Gongqo, Manqilo, Mvetshane, nomlomo, utikâayâvumani nepokotho, uNgqawa, umpundâzâtofotofo, umgqubâ awâpheli kuphelâ iinkomo zodwa, uJuda, uNtlotshane, Bumela, uNgciva
- Ndala â Ndala ka Momamana, uMncotshe, Msunu Sdumbu, Thole, Ngxunga Smukumuku, Ndithinina )
- AmaQoma â ooSigqo, Nyohela, Ngubengcuka
- AmaNdlane â Mdlane â Tutuse, Nomdimba, Hala, Sophitsho, Yem-Yem, Ngqolomsila, Vela bambhentsele, ntlokwanebanzana
- Zima â Ceduma, Sopitsho, Bhomoyi, Vela bembhentsele.
- AmaTshatshu â Tubhane, Ngcombolo, Qhumpasi, Mawuse, oonkanda zibomvuâŚ.  Angenyuka ke umntu ezintyontyela de ayokuma ku Thembu. Kodwa ke akholisa ngokuphela nganeno koDlomo. AmaTshatshu ngabaThembu baphuma kulandlu kaBhomoyi.
Aphuma kukunene kukakumkani uDlomo apha azele khona uMawuse. Isizukulwana sikaMawuse uMvangxeni waya wabizwa ngokuba ngu âTshatshu olithafaâ, kususela kwindlela awayesilwa ngayo ezimfazweni. Inzala yakhe ke yabizwa amaTshatshu.
AmaBomvana
- Gebe (Mgebe/ Hegebe) â Hegeba, Mthembu, Mduduma, Ndala, Ngubengcuka, Ngaleka, Mdiya, Holomisa, Ngwityi, Mkhasela, Bazindlovu.
- Tshezi â Fakade, Saliwa, Jalamba, Skhabela, Cetshane, Mqalâ ongangenduku, Njilo-njilo kuya ngaselwandle, uKhayi, uGagashe into ka Ganya, uNdela, uNeneza, iNkonjane emnyama ebhabâ emafini, iinzwana zakwaBomvana, iinto ezinomkhitha kodwa zimithondâwemide, iNyoka emnyama ecanda isiziba, uMkhonto, uMalala nentombi ivuke ithi bhuti ndizeke noba kungeshumi leesheleni, inkosi ezingazange zibuthengâubokhosi. Zinto ezityafileyo ingathi zidla umcuku.
- Gqwarhu â omhlophe, Khawu, Ntenge, Mtabasa ka Dingana, Jalamba
- Bhedla â MNqabe, Mpulane, Mtshoni, Khanju, Mnqabe, Sihlahla sesisundu esithi sigawulwa nje sibe sihluma. Ubhangisa abelungu ngentololwane
EzamaGqunukwebe
- AmaGiqwa â  Mvamba, Jingqi, Jikijwa
- OoSithathu â MaNdebe, Khophoyi, Chisana, Hase, iinkomo ezimbovu, OoMfene, Hlathi, Lisa, Jambase, Sanzanza, Canzi, Buswayo, Zangomva eliweni, Msuthu.
- AmaNqarhwane â  Ziduli, Hintsabe
- AmaSukwini â  Dibashe, Lawu, ooNjezâbomvu, utiki ayivumani nepokotho, umnqayi linqindi, imvaba yiketile
- Tshonyane, Chungwa, Dikiza, Sawu, Tota, Simke, Khwane, Hani, Zulu, Mthuzimele,  Gqunukhwebe, Nkomo zâbomvu .
- Cethe â Chizama, Mlanjana, Bhurhuma, Ncenceza, Mbambo zinomongo, yintâetyâinyama ekrwada, uHani, malahlâaluthuthu ayatshisa wawanyathela ungafa
- Gqunu
- amaGqwashu
AbeSuthu
- AmaNgqosini â  Gaba, Mjobi, Thithiba, Cihoshe, Nozinga, Mntu womlambo, Thikoloshe, Ndoko, Mbokodwâemnyama Kahili, Lalashe, Mshweshwe, Msuthu (Ibali liqala eNtsoanatsatsi ngakumlambo iLigwa apho iKumkani yaBafokeng yafikela khona yatshata inzwakazi yesizwe sabaThwa (!Korana)/ Boroa. Oonyana beKumkani yaBafokeng kuthiwa yayingu Mmutle kunye no Motjope. Yathi yakusweleka iKumkani abantu bayo bangafuni ukuba bakhokhelwe nga âBoroanyanaâ⌠Iqela elithile laphuma likhokelwa ngu Mmutle lingumxube wabeSuthu kunye nabaThwa, !Korana. Wasuka ke apho e Ntsoanatsatsi ekhokela esi sizwe. uMmutle uzele uGaba. isizwe sakhe sabizwa ngotata wakhe kwathiwa ngamaMmutle, gama elo elatshintsha kwathiwa ngamaVundle. uGaba wayakungena phantsi kwamaXhosa⌠AmaXhosa aye axakwa sesi sizwe ababuza ukuba Ngqo-sini? (Niloluphi uhlanga)âŚ(Ngqo=Exactly, Siyini/Niyintoni=What kind of people are you?). uGaba njengamntu owayezelwe ngabaThwa, unintsi lwabantu bakhe yayingabaThwa, esaziwa ngokuba ngu (/Ihoshe Gaboa)
- AmaMfene â Hlathi, Lisa, Jambase, Sanzanza, Canzi, Zangomva eliweni, Msuthu, Ntsilane.
- AmaVundle â UVundle, uBhayi kaKhetshe, Inyokâemnyama eyacandisiziba, uMevamhlophe aseCamsholo; uGwaca, uMsuthu.
- Mvulane â Mvulane, Msuthu, Ncilashe, Gwadela, Papashe, Mevâ amhlophe, Camsholo. Zinja zizelana ngemiva ngokunge ziyaxabana, kanti zigilâ imikhubaâŚ.
(Zinintsi ke izindlu zamaMvulane.Enye yazo iqhubeka ithi:Â Sizila, Gcobani, Wapenga, Ngcuthushe, Nontshuntshe, Wolela, Khaba lasemzini, Sbhuxa, wayipanâ inkomâ iqhwesha, abantu bakuloXhagalithwele.)
- Mkhumbeni â Bhayi, Khetshe, Vundle, Ncilashe, Inyokâemnyama ecandiziziba, uGwaca, uMevamhlophe, uCamsholo, uNomtshoni, umthokrakra ongatyiwa nazibhokhwe, uZawukana, uMsuthu..
- Maduna â Nokhala, Msuthu, Gubevu, Jiyane, Mpungushe, Mandlâamakhulu, Nozikadala, Sjekulana, salakumlandela, uMsuthu.Nkabinde, Sivunguvungâ esawisâ indoda emahlangeni, imamba kandidini ngoba ngimesabile, uNokhala owawela ngempalazo eyaphalazwa ngamadoda, Maduna omuhle ngekhala lakhe, isilo esinamadevu emlonyeni, Ngaculende emabalabala njenge ngwe, iinkomo ezingqukuva azibuyi emzini xa bekulotyolwe ngazo, Ngubengcuka, Tiba,  Mvelase, Salathiso, Novikothekâukuthetha, Mlambâunqolintaba, UMaduna owaqengqeleka kwiintaba zoLundi wawela umlambo Ithukela ebhinqe izikhakha. Madunâedakeniiii!!!! Malobola ngezângadane osaba ezineâmpondo zahlaba abakhwekazi. Laduma izulu uMagqakaza ubengasekho ekhaya!!!
- Gambu â Memela, Msuthu Nontuli, Ngwekazi
- Ndzaba â Msuthu, Bhili, Mancoba, Gase, Mwelase, into ezehla ezintabeni/ezinkahlambeni zishubele ngenqatha lehasheâŚ
- AmaNtshilibe â Bhanqo ka Nondize, Bobese, Ncangase, Schotho, Candela, Langa, Msuthu, Rarhali, Mntshilibe, Mdumane, NkomoZibomvu âinkomo zimangele azifun ungena ebuhlantiâ Tshintsha, NcaNdane, uMatseâŚÂ Aphuma kwisizwe samaSuthu ekuthiwa ngabaKwena. AmaNtshilibe aqala abusa kumaMpondo asuka emka apho aya emaXhoseni.
EzamaMpondoÂ
- OoNyawuza â Faku ofakayo, ungathi uyifakile kanti uyikade eboyeni, Yindlana, Dakhile, Thahla,  Ndayeni, Mpondo, Hlamba ngobubendâamanzâekhona
- AmaNtlane â  Mfusana, Ndendela, Gxididi
- AmaZangwa â Khwalo, Mlanjana, Ncuthu, Sohobese, ooNkuma
- Khwalo â Mzangwa, Ncuthu, Mzangwa, Mlanjana, Mpondozephela, Ungqoqwana, Sohobese.
- Khwetshube
- Tshomane
- Khiwa â Qwebeda, Khonjwayo,Ngcekula, Ndzondela, Hlaka, Ngetu, Phoswa, Silwanyana, Makalanyana, Sikhehlana
- Machi â uNomfe ayigotywa; igotywa ngethokazi. Ugeza ngobisi xa abanye begeza ngamanzi
- Ncalamba â uMajika umfazi obele linye, uTshambula
- Silangwe â Ndukuda Ntobela Mbhabhama Sothongothi Siwisa Mabelekwa nge tawuli Zotsho Mlawu Chutshela isiHlobo semamba
- Ngcikwa â Mcobothi, Mgogela, Malandelwa yintombi ithi ndizeke, Sgwampâesmanywampu-nywampu sayizolo, oonomalingâegogoloza, mabhincelâemvakwecango, oodedâinkomâisele
- Khonjwayo â uChithwayo uzala uKhonjwayo, uKhonjwayo azale uKhiwa, uKhiwa uzele uNgcekula(Inkosi eyayiphethe ngexesha lakudala ihlonitshiwe)uNgcekula uzele uNdzondela kwindlu yake enkulu(Great House) ,noNtsikinyani ekunene(Right House).UNdzondela wazala uHlaka, uHlaka wazala uNgetu, uNgetu wazala uPhoswa, uPhoswa wazala uSilwanyana, uSilwanyana wazala uMakalanyana, uMakalanyana wazala uSikhehlana, uSikhehlana yena uzala uTatana. Ngoku singena kwinzala yendlu yasekunene kaNgcekula, uNtsikinyana uzele uMakhanda, uMakhanda wazala uNogemane kwiGreat House, kwiRight house wazala uThungana. Masiqale kwindlu enkulu, uNogemane uzele uGwadiso(Dumile), uGwadiso wazala uGodloza, uGodloza yena wazala uNtenteni, uNtenteni wazala uGobizithwana(uZwelidumile) waza ke yena uGobizithwana wazala uDumisani inkosi enkulu ephethe isizwe samaKhonjwayo ngoku. Kanti ke uThungana yena wobunene buka Makhanda uzele uSithelo, uSithelo wazala uPhonyela, uPhonyela wazala uMakhizinyani, uMakhizinyani yena wazala uHlathikhulu, uHlathikhulu yena uzala uThulani.
EzamaMpondomise
- Jola â Mphankomo, Jolinkomo, Phahlo, Qengeba, Mthwakazi, Sabe, Ndlebâendlovu, Mzi welanga. Somarhwarhwa, Ngwanya, Somadolo, Zwelibanzi, Marholisa, Nomakhala, Njuza, Sthukuthezi, sithandwa mhla kukubi, hoshode, hakaha, mfazâ obele ânye omabele made, oncancisa naphesheya komlambo. Yeyesa, Chirwa, Lembethe, Mgema, Mfazâobelelide, Gcuma, Ndzabela, Thole lenkwakha, Isibhekubhu esibhebhesha sakulo Yokazi. EsiMpondo zisibhebhelele Ngubholokodlâuphila kuzenzela Mayaba, Ngubo ayinxitywa, Mbarha, Bhukhana, Hobo, Zwelibanzi, Zanemvula, Vambane, Ithole lomthwakazi, Mqeke, thayithayi kade bemthibela, mpumlo engqongqosholo njengengulube, ubholokodlela kuphila kuzenzela
- Debeza â OoJebe, Nonyanya, Nongoqo, Mbeka, Ntshiyini Bathi uqumbile, Khonkcoshe Mbokodo engava mkwetsho, Xwebisa, Nomanjiya, Mgodâongeva mkhwitsho, Shleka nanja, Longwâelingacholwa nangabafazi. (ubuKumkani bamaMpondomise bulapha, kummandla wase Tsolo, Qumbu & Mthatha)
- AmaMpinga â  Senzwa, Mawawa, Wawuzile, Mbhala ka Nqoshe, Ntoyomntwana ingaphuma uboya ilingene abadala, ingaxhonywa exhantini seyiyeyezinja (ooMpinga ngamaMpondomise. AmaMpondondise sisizwe esisuka kuMpondomise, iwele lika Mpondo, uXesibe eyimfusi⌠Bobathathu bezalwa ngu Njanya unyana ka Sibiside . UMpondomise uzele uNtose inkulu yakhe, uNtose wazeka amakhosikazi amathathu. Eyokuqala inkosikazi kaNtose yazala uCwera, eyesibini yazala uMpinga, eyesithathu, uNdlunkulu wazala uNgcwina, wayiNkosi uNgcwina. UMpinga lo wazala amawele uMawawa (elidala) kunye noPhahla (elincinci), uMbhusha eyimfusi. UMawawa wazala uSenzwa. uSenzwa wazala uNtomntwana, uNqoshe, uSineka kunye no Debeza, uNqoshe wazala uMbhala.)
- AmaMpehle â Vengwa, Dikana, Cabashe, Nohushe
- Skhomo â Umntu womlambo, Tshangisa, Mhlatyana, Rhudulu, uNxubâongafiyo ofa ngokuvuthelwa, Mngwevu, Jola, Manzâamnyama, Qengebe, Mhaga, Oshode, uNjanye, uNcuku, Zitha, Ngcengane, Bodlinyama, Nonkasa, Ufakâinyama emlanjeni iphumâivuthiwe, uWashota, intonga yokugqugqisa amankazana phezu komlanjana. Njuza, Nabela Mntwini, Gaduka, Mduma, Zulu khaya labangcwele, Mngwevu, Mpondomise, Athâamanyamadoda ebalâinkomo abe yena ebalâinkwenkwezi. Isilo somlambo apho zihlelikhona ingwevu zethu ziphulula uswazi lokuqeqesha oomakoti zibafundisa ukuhlonipha ikhaya. Omathandwa mhla kukubi, Hlakanakwena!
- Gxarha -Cwerha, Vambane, Mahlahla, Mlawu, Potwana
- AmaNgxabane â Mdatshi, Rhibela, Ncokazi, Meyiwa, Bhodi, Bhabhanomhlehlo, Tyotshana, uSibalankwenkwezi â abanyâ abantu bebalâ iinkomo nje, amatholâ omThwakazi, ooNtamâ inemida njengenkunzi, amaMpondomisâ omthonyama nozwane, iziziba zeTsitsa zingenwa ngugqoloma weTsitsa neChulunca kuphela, ooMbambo ezakheke njengezentaka, ooBhencâ akanantongo, ooSidulana eselubhelu sethafa, ooNonto yenja yinkongolo, beyidla beyithufela!
- OoNgcitshana â Mbulelwa, Nomkhanzi, Rhonqa, amaQam ooTshemntu
- OoNxotha
- AmaQadi â Dosini, Mqadi, Ngqwili, Nondlobe, Ngcwina, Ngwenya
- OoGcanga
- OoDosini
- Nxuba â Mduma, Rhudulu, Mngcengane
- AmaNgwevu â ooTshangisa, ooSkoma, ooZulu, Oo Mhlatyana, ooRhudulu
- OoQhinebe â Gqugqugqu, Zithonga-zithathu, Haha, Njemnyama, Nondela, Phazima, Mpondomise, Mlunjwa, Phalela, Mkhomanzi, Duka namahlathi, Umthâ omde owavelela eHoyita!
- OoMhaga â (noSabe, Amawelâukuzana, uQwetha noGqubushe)
- OoMabhengu
- OoMnjuza
- OoBhukwana â ooMbara, Mtshobo, Phaphulengonyama, Into ezingaphathwa mntu ngoba zizinkosi ngokwazo
- OoZongozi â ooSenzela ooPhondo liyagexeza (bazalwa nguNtose kaCirha ikumkani yamaMpondomise, hayi lo wamaXhosa)
- OoNdobe
- OoFola
- OoNxasana â NguSikonza, uNxasana, uTotoba, uDunjane, uMalilelwaziintombi zithi ndizeke, adinamama andinatata, uBhili, uMagazo, uLunguza, gastyeketye umbona obomvu othandwa ngabantwana
- OoNqana
- OoDedeza
- OoKrancolo â Mgema, Msiza, Malamba, Mbuyeni owasela amanzi oMtata, Mbuyeni owadla uMtata, Nombiza ndophule naba abantu besiza, Nombiza ndophule undithathe undibekâ entla undive apho ndimnandikhona. Nyathi, Nonkobe ndophule, Mlanjana, Thole Lomthwakazi.
- Magoba â ooNziphazi,
- Mpehle
- Skhoji â (Inzala ka William Saunders wase Scotland)
- AmaNdila â Ndila , Nyezile, Qangaza kawongqili, Ndlwanâinisematyeni,  Ndulinâophezulu,Mndini, Fulela kunetha,Tshunguza, Cekwana,Gadluma, Tshutsha, Simnde, Mtshakazi, Phaphu lengonyama, Jamelâijekeja, Msili kaNonceba, Roqolombashe, Nomatsinyane, Nomathebe, Mpondomise.
- Tayi â Senzwa, Mawawa, Wawuzile, Bholokoqoshe, Ntoyomntwana ingaphuma uboya ilingene abadala, ingaxhonywa exhantini seyiyeyezinja (ooMpinga ngamaMpondomise uMpinga uzalwa nguNtose)
AmaMfengu (AmaMfengu ayisosizwe. Eli ligama abantu ababebaleka iimfazwe zeMfecane (1800s) ababebizwa ngayo⌠Kuba kusithiwa baMfenguzile, babhacile, babalekile, bayishiya imizi yabo bazokwakha kwiMpuma Koloni aquka iqela elithile kumaHlubi, amaBhele, amaZizi, amaNgwane, etc. Bathi xa befika kwelamaXhosa bathi âsimfenguzile, sibaleka iimfazwe zemfecane, sicela umhlabaâ)
- Maduna â Gubevu, Nokhala
- Nkomo â Mntungwa, Khumalo, Mdletye, Sichaba, Dubandlela, Noyila, Mpondozephela
- Nkwali (Mfengu/Hlubi) â Bhukula, Mkhwanazi, Nkwali ye Nkosi, uMagcoba, ULusu lwengwe nengwekazi, umabuzubuzwane, inkonjane emnyama ebhabhela phezulu
- Tolo â Dlangamandla, Zulu, Mchenge, MaBhanekazi, Nongwandla, Ngwenyankomo, Masali, Mfingo, Amajubantlantsi, Vumba lempongo liyanuka, Nozinja Ziyakhonkotha kuba zithi: Hawu! Hawu! Hawu! Xa zibonâ umntâ ozayo, Nozinja ziyaqhingana kanti zenzâ umntwana, Umlambâ awuwelwa uwelwa ziinkonjane kuphela zona zimaphiko made, Nkomo zikaGaxaza, Oonkuni azothiwa kuba zithezwe yinkosazana, Bona babasa amadaka eenkomo zabo, Izinto ezifuye inkomo zafuya negusha nehashe.
- Dlamini (Zizi) â Zizi, Jama kaSjadu, Mabetshe, Bhanise, Ngxibâinoboya, Fakade, khatsini, mtikitiki, nomana ndabâazithethwa intsuku ngentsuku,bhengu, nonyathi
- Shweme â Limakhwe, Gqagqane, Gusha, Zilamkhonto, Nolundi, Malilelwa Zintombi zisithi Buti ndizeke, Bhamla, Songololo, Gabuza, Maqumba kuze kuse maxa enomsindo, Mangango Phululwa, Bhamla, Untaba
- Ndlangisa â Thole, Gqagqane, Mcaca, Buzini, Welane, Ndlangisa, Nkonjane, Mfingo, Thombeni, Mzimshe, Lwandl aluwelwa, luwelwa ziNkonjane zona ma phiko made, uMpundeshe, uKhweleta, uDuma
- Jama â Sijadu, Fakade, Njokweni, Ngxilinoboya, Dlamini, Zizi
- Miya â Gcwanini, Mja, Sibewu, Sijekula, Salakulandelwa, Mancoba, Bhinqelâ ohlanzeni, Ngqongqothwane, Vezi, Ngoma, Rhengqwa
- Khumalo â Mntungwa, Okhatshwe ngezindâizinyawo, Nangezimfushanyana, UMkhatshwa wawoZimangele, Mbulazâomnyama, Abathi bedlâumuntu, Bebe bemyenga ngendaba. Abadlâizimfâezimbili, Ikhambi laphuma lilinye. Lobengula kaMzilikazi, UMzilikazi kaMashobana, Shobana noGasa kaZikode, Zikode kaMkhatshwa. Mabaso owabasâentabeni, Kwadliwa ilanga lishona Bantungwâabancwaba! Zindlovu ezibantu, Zindlovu ezimacocombela. Nina bakwaMawela, OwawelâiZambezi ngezikhali. Nina bakaNkomo zavulâinqaba. Zavulâinqaba ngezimpondo, KwelaseNgome. UNkone evele ngobusâ emdibini, Nina enalâukudlâumlenze KwaBulawayo! Mantungwa aluhlaza! Mantungwâamahle! Bantwana benkosi, Nina bakwaNtokela! Inkubele abayihlabe ngamanxeba, Abamkhule ngezinyawo ezimfushanyana, Nezimaqhukulwana. Inyangâ abathe bethâ ifilâuZulu, Kanti isiyetheswe, Yetheswe ngoNyakana ka Mpeyana. UBando abalubande balushiyâ uZulu. UNyama yentini yawo Zimangele. UNkomo zavulâinqaba ngezimpondo, Ngoba zavulâiNgome zahamba. UNtshwintshwintshwi kaNoyanda noNdaba. Ndabezitha! Mdletye, Sichaba, Dubandlela, Noyila, Mpondozephela
- Nozulu, Thukela, Mchumane, Mbanguba, Kheswa, Mpangazitha, Macocobela yena onempundu ezincinci ezifuna uncanyiswa, Qhudeni, Mwelase, Mathibane, Ngoza, Sonyangashe, Makhonzâ egoduka, Mfazi uncancisa usana ngebele elinye, Thukela umlambo ongawelwayo uwelwa ziinkonjane zodwa, zona zidlisela ngamaphiko
- Ndlela -Matyeni, Nongobe, isilila gazi njengoba abanye belila iinyembezi, bakhama indoba yanyela emphandeni, amaNala amnandi njengebele likabelenyane, bhekuza enkundleni kwadadeboyise umNtambose
- AmaBhele â (asuka kwintaba yeLenge, baqhekeke kathathu kuMaliwa, Donga nakuSiphahla-phahla,uDonga noSiphahla-phahla bangenela kumaZulu babangabakwaNtuli,uMaliwa weza kwaGcaleka,uMabandla wehlela kwaGcaleka,uMabandla waya kwaRharhabe,Bhunta uGatsheni/Gatyeni uzalwa nguNdlovu kaMasoka(Masombuka))
- Gatyeni â Mamali,ndondela,nkomo zibomvu,nywabe, indoda uyivumi nepokoto, ocubungu)
- Ndlovu â Gatsheni, Boya beNyathi, Obusonga busombuluka, Mpongo ka Zingelwayo, Nina bakwa Ndlovu zidlâekhaya ngokweswela abelusi, Zabe seziluswa yintombi uDemazane, Nina baka Demaza, Nina bakaKhumbulamagwala Nina bakwasihlangu sihle, Mthiyane! Ngokuthiya amadoda emazibukweni, Mdubusi! (Abakwa Ndlovu oGatsheni bangabe Nguni:
U-Gatsheni wazala u Lamula,
U-Lamula wazala u Zingelwayo,
U-Zingelwayo wazala uMpongo,
U-Mpongo wazala uNgema,
U-Ngema wazala uMdingi)ooNdlovu banintsi, kukho ooNdlovu (Gatsheni) abangamaNguni, ooNdlovu (Gabula) abangamaKalanga, ooNdlovu (Mthombeni) abangamaNguni kunye nabanye ooNdlovu
- Ndlovu â Malunga, Gengezi, Ndlovu zidlekhaya ngenxayoswela umalusi
- Skhosana â Skhosana, Novaphi, Mntungwa, Ntuthwana, msikamhlanga, uNtuthu uyeaqhuma zonke izizwe zabikelana zathi ngabakwaSkhosana.
- Tenza
- Xolo â Dunywa, Nzimakhwe, Thuse, Ntshuntshe,  Manci, Zotsho
- Yirha â Sampu, Ziyeka, Mzondi, Thambo lenyoka elingahlabi mntu, lihlaba elimzondayo, thyopo ka Phato awatyaphakela eXonxa, gabulâikhula, Malambâayendle, atyâigusha athi zizâduli zethafa, mahamba ephethe isali athi ihashi uyakulifumana emlungwini, Gcina, izinto zabantu abazibi koko bayazigcina
- Zulu â Ntombela, Mahlahlula emaduneni, Tshaka
AmaHlubi
Hlubi, Bhungane, Bhungane kaNsele, Zikode!Bhungane wenza ngakuningi, Makhulukhulu, Umkhulu Nkulunkulu kodwa awunganga Bhungane, UNkulunkulu uziqu zintathu, kodwa uBhungane uziqu zingamakhulukhulu, Mthimkhulu, Mashiya amahle, amade anjenge nyamazane, Mafuzâ afulele njengelifu lemvula, mashubelâesavela. Sâgoloza esimehlo abomvu esibheka umuntu kubengathi siyamujamela, Ndlubu ezamila ebubini bamadoda, Ndlubu ezamila emthondweni (kwasothondose)
Nina enindlebe zikhanya iLanga, Nina enindlebe zinhle zombili, Nina bosiba olude olungakhothami ndlwaneni kodwa kwezinde luyakhothama, Nina omagawula imithi emincane emikhulu ivele iziwele
Mahlubi amahle, Â MaNgelengele amahle, Nina maHlubi anzipho zimnyama ngokuqhwayana
Mashwabade owashwabadela inkomo kanye nezimpondo zayo
-
- Rhadebe â Bhungane, Mthimkhulu, Ndlebentleâzombini, Makhulukhulu, Mafuzâ afulele njengelifu lemvula, Mashwabada owashwabadelâ inkomo nempondo zayo, Mbucwa, Zikode, Sbhushwana, Ngelengele.
- Dontsa â oNoDlidlu, oNoDlabathi, oSwahla, oMntungwa uNdukuMkhonto, uShembe, bathâ uDontsa akananyongo kantâ abayâbonâ uba igqunywe ngesbhadlalala so mhlehlo
- Nkwali (Mfengu/Hlubi) â Bhukula, Mkhwanazi, Nkwali ye Nkosi, Enyonâ engadliwa ngabafokazana idliwa ngamakhosi. Buzâ elikhulâ elagedlâ umhlanga, Kwavelâ amaBuzâ abuzwana. NgabakwaNongubo-ntloko. Abanye bazitetilâ abanye bazithwele. Inkwali yintakâ engcondo zibomvu Edla ikhethe lomfula (Nkwali uzala u Maphela no Mlabatheki , uMlabatheki azale u Bhukula)
- Kheswa â noZulu, Mpafane, Mchumane, Mpangazitha, Macocobela, Mbanguba, Thukela
- Mbanjwa â  Gebane, Mpethwana, Mavuso
- Ngcoza â Bhungane, Mthimkhulu, Ndlebentleâzombini, Makhulukhulu, Mafuzâ afulele njengelifu lemvula, Mashwabada owashwabadelâ inkomo nempondo zayo, Mbucwa, Zikode
- Nala â Ndokose Mpembe noNgquma
- AmaNkala, oVumisa, oMphandana, oMnabise, oThiyane, aMangelengele
- Nozulu, Thukela, Mchumane, Mbanguba, Kheswa, Mpangazitha, Macocobela yena onempundu ezincinci ezifuna uncanyiswa, Qhudeni, Mwelase, Mathibane, Ngoza, Sonyangashe, Makhonzâ egoduka, Mfazi uncancisa usana ngebele elinye, Thukela umlambo ongawelwayo uwelwa ziinkonjane zodwa, zona zidlisela ngamaphiko
AmaBhaca
- Zulu â OoZulu, Khalimeshe, Nofisa ongafi, ofa ngamaloyo. Mageba Ndabezitha , ooNombuso ooVebi ooWabane. Mafula ngesibumbu ngexa yokuswela ingobozi, Notibunwana etincane ngokwuswela tona, onato ufute kulo nyoko, Thole leSilo ngoba yiSilo ngokwasoâŚ
- Wushe â ooMjoli, Phathwa, Qubulashe, Mthsi owathsi ukuwa wabhekisa amasebe eThukela, Nonkasa, Mbedu, omaphungelâ esosini amakomitshi ekhona, masindza ngonwalu itizwana tisindza ngobulongwe, Godongwana kaMjoli ka Bekwa kaWushe ka Lufulwenja kaMageba.
- Mjoli â Qubulashe, Indlu kaSondzaba, Hlathi, Nonina, Mswanzeli, Nokholwa wokwakhe, Wabane, Maqholo, Mthi owathi ukuwa wabekisa amasebe eThukela, Nyawo, Danisa, Ntundzela, uMalandelwa zintombi zithi ndizeke, Babalo, mzimvubu, Izotshwâelihle, Uphika-nelanga, uNoma-ndzondzo, uMshwawu, uDlilanga, oBuso bumnyama ngathi sisonka sojiwe
- AmaChiya â ooGalweni, ooChiya wohlanga, Sodladla, Magangadzâ udonga kuvuleke indlela, cwangu cwangu.
- AmaMpovane â Siwela, Vitsheka, Matalankosi, Songiwe, Nomlakalakane, Gubudza Nyamana
- AmaDzanibe â Nqolo, Gaba kathsayithsi omahlambahlaletsheni ngenxa yokuswelâitawuli, abantu abangayekhathsi imbola ngoba bahleli bebahle, bakhi bexonya bangaleluki
- AmaNcwabe
- AmaJili  â Jili, Masengwa, Msingawothi, Vilakazi, Gqagqa, Nomjoli, Cholo. ooMasengâ inkomo noba ilele ngenxayokuthsandza intusi
- AmaJuqu / Jzhuqu â Ngqiza, Juleka, Matalankosi, Sigwamba sentswangu, Xabanisa abantu belungisa, Zibutha kandaka-ndaka, Mlibati.
- Mweli â Jili, Msingawuthi, Ngqambela, Sibakhulu, Ntlangwini senebathat yaseMakhuzeni
- AmaNdlangisa â Thole, Gqagqane, Buzini, Ndlangisa, Mzimshe, Lwandle
- AmaTshezi â Jalamba, Mqalungangenduku,
- AmaTolo â ooTolo, ooDlangamandla, Mchenge Mabhanekazi
- AmaJuta â OoJuta, Mencwa, Sjekula
- AmaGusha
- AmaNjilo â Manci, Mkhonde, iSâkhonde esikrakrayo, iNdlovu esikwa ihambha, Vela bethetha, Njilo, Balisa, Debule, Msokweni, Silwa nenkunzi mbini, Kubhejâumsobomvu, Wabane, Tyani, Bhekiso, Ndlovâedli goduka, Mbali, Mdludla odludlâamthambekâebhekâothukela, Qolo, Zotsho, Mabandla kamaqolo, Maqolo engqelezintabeni, Tshitshisâintaba, Mdludla ka Bekiso, Zinde Zinde, Zinemiqala engenamqala sisilima
- Ntshele â Zotsho, Ndokhala, Nomabhunga ,Mthetho, Wabane, Qholo, Mbali, Mkhonde, Mdludla KaBekiso      (AmaNtshele ayinxalenye yamaZotsho, kwaye afumaneka kwizizwe ngezizwe. Akhona aphantsi kwamaMpondo, kumaXhosa, amanye aphantsi kwamaBhaca, ukanti amanye akumaMfengu kodwa ke ngokomnombo awanabudlelwane nezizizwe.)
- AmaKhambule â Khambule Mncube Mayela omalandelwa yintombi ithsi bhuti nditeke
- AmaMbothwe/ Mbotho â Myalo, Thoyane, Mtshikilana, Ntsindane, Mazama, Njongo, Fulela wanetha, Manyawo zibomvu. Mbothwe, Mlibati xabanisa abantu belungisa bona abangayi ebhoshi baze baye ngosuku lwesithathu, oMatalankosi abantu abangafi noba kunini abafa mhla kuthande bona. Nomtshwe.
- AmaDladla â Molo, Sengâ inyathi, Mlambo, Ncwabane, Khakhaza
- AmaBhele â Dlambulo, Khuboni, Qunta, Mafu, Langa, Mnomana, Mbutho, Ncwana, noNtanda kuphakanyiswa, Ulanga lokulunga, Umbutho, noMbikazi ngobâumntâogxathu akalahlwa, umafuza afulele njengelifu, Ndabezitha, uNtshangase, Madiba-ndlela. Iinto ezidiba de zidibe nendlela, Unontanda Usengelâabantwana xa likhithika, unosepha ayigijimi iyakhokhoba ukubhekâ eluqala, undamane, amyengane, amayekethe, Undlwana zinamaphela phezâukwentab kalenge, othebulâukunatha nje ngabendlâenkulu Umakhunga, unkilane, umabandla, uvaphi, Iintwâezimpundu zinga zingongiwa, Amatya egoduka khonâukuze angathinjwa lithambo lasemzin, nditshâabatyâisikhwebu sakwamkhwekazi, kwaNoqambulo. Inyathi eyasinda abazingeli sebeyosele, izinto ezingawudliyo umbilini wenkomo, zidla owenyamakazi yonâihlalâemahlathini; Ingabâasilobhele elo, ngoba ibhele laphekwa nelitye lenyengane, lavuthwa ilitye, lasala ibhele lihleli, amaBhele izinto eziqhwanyaza ngemali. Zibunywana zibutshelezana zinga zingazingangiwa ngabakhwekazi, Bhedlana lase Lenge, amaBhele asicoco sinuka intsindwana amakrokrozela njengelifu lemvula, Mphemba abantu Bephemba ngamabele kanti abafokazana baphemba ngamaphepha, Silo sase Lenge ngwane yezixhobo zothukela, umthanâ ontyingantyingana omi phezu kwentaba.
- AmaGamedze â Mntimande, Bhambolunye tingaba mbini tifute ekhaya kulonyoko
- AmaHlubi â (hayi isizwe samaHlubi kaLangalibalile, kodwa itibonga nabantu ababesuka kwisizwe samaHlubi)umzekelo ooRhadebe â Mafuzâ afulele njengefu lemvula! Mashwabada, owashwabadelâ inkomo kanye nempondotayo!
- AmaDlamini â (hayi isizwe samaDlamini, kodwa abanye abantu bakwaDlamini ngesiduko)
- AbakwaMasoka
- AmaXesibe â (hayi abantu besizwe samaXesibe kaXesibe wakuloMpondo noMpondomise, kodwa kukhona abantu abangena phasi kukaMadzikane bamaXesibe) oo Ncosa ooBhuku Sinqashe Nkamangane Mfazi webelelide elancelisa ingane phesheya komfula uMganu Sabela wabizwa emazibukweni Xesibe
- AmaBhovu â ooDumela oMvawâbhekwa ubhekwa abawatiyo ooGxumisa
- AmaNguse â ooFola Fakade Mabembe khabekhulu Folâodlilaxa Nguse Ngubezizwe unyawunyawu
- AmaGebashe â
- AmaDzana â OoDzana oKhatsini omncwabe omfupi
- Sinama â Rhadu, Mjoli, Somadoda, Fikeni, Nhlumayo, Gcuma, Malandelwa yintombi ithi ndizeke noba kungesipha samazimba, Iintombi ezinamadhusu amhlophe ngathi zihlamba ngobisi, Wulawula mathole endlovu
- Mbanjwa â Gebane, Mpethwana, Mavuso
AmaXesibe
- Xesibe â Nxanda kaXesibe, Mnune, Mkhuma, Nondzaba, Mbathane, Nondize, Bhelesi, Matshaya ngenqawâende abanye betshaya ngezimfutshane, Nxele, Bhimbi, Khandanyawana, Mayitshinâeyibheka njengomntwana, Mantsaka, Mganu. Tshomela ka Matsho.
- Qwathi â Dikela, Noni, Noqazâ indlela. Iinkomo zikaXesibe, zikaJojo, zikaMtshutshumbe, ogqazâindlelâebhekâebuNguni, uNtswayibane, uDumbe ka noBangula. KumaQwathi kukho amaDikela, amaTshaba, ooSdindi, ooBhlangwe, ooBhose, amaNzolo, imiNcayi, amaNtondo, amaKhombayo, ooMkhondweni, amaVumbe, ooKhebesi, amaBangula, amaDumba, ooMhotho, ooCakeni, ooBhabha, amaMvala, amaDabisa, ooSâximba, etc.
- Mambi â Nxontsa ka Xesibe, uBhulingwe kuvele imamba, uNtabazikude zikuMganu, Mntshontsho, uSabela uyabizwa emazibukweni)
- Matshaya â Mbathane
- Bhulangwe/ Bhlangwe â ooDikela, ooNoni, ooNtswayibane, ooMnyamana, ooNomatyala, ooMalawana, ooNyembezana