Ngxabani
Meyiwa,
Rhibela,
Bhabha nomhlehlo,
ooMdatshi,
ooMabodi,
ooMabhengu,
Nontwenja yinkongolo !
Ngendiba ndiza nayo ukuba nam bendiyazi ngoku pheleleyo, ntonje endikwaziyo kuncinane, njengoba nam ndisengu mfana kwaye ndilusana, ntonje olithandayo isiko kwanye nezithethe kwaye ozihloniphileyo nozi xabisileyo ezonto zimbini.
Ndobetha apho ndifikelela khona, apho ndingafikeleli khona ndotsho ndinikezele kozivayo kwaye ekudala eyihamba yena lendlela, kuba nayo nenyathi ibuzwa kwaba phambili. Camagu emzini ka Bawo!
uMyirha ke yena uzalwa ngu Nqabe, aze uNqabe yena azalwe ngu Bhedla, yena uBhedla ezalwa ngu Mpulana impondomise.
uYirha yena uzala
uSampu, yena uSampu wazala oonyana babini uMzondi nho Ziyeka, kunye nentombi uNonkwindla lo uzala uGcinumzi wamaGcina.
Leave a Reply